bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 Thessalonians 2
1 Thessalonians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
1
Ngokuba nisazi nina ngokwenu, bazalwana! ukungena kwetu kuni, ukuba bekungeyinto engenanto:
2
koko nakubeni sibe sibulalekile pambili sapatwa kakubi, njengokuba nisazi, e‐Filipi, sibe sinokukalipa kutixo wetu ukuyiteta kuni ivangeli katixo ekulweni okuninzi.
3
Ngokuba ukuyala kwetu kungaveli elulahlekweni, kungaveli nasebunco̔leni, kungengenkohliso kanjalo:
4
koko njengokuba sibukiwe ngutixo ukuba siyipatiswe ivangeli, siteta kwa njalo; kungengokufuna ukukolisa abantu, ku ngokufuna ukukolisa utixo, ozilingayo intliziyo zetu.
5
Ngokuba kanjako singezanga sipate amazwi enywelezo, njengokuba nisazi, kwa nesigushelo sobubawa; utixo ulinqi̔na;
6
singafuni nje imbeko ebantwini kanjalo, kwa nakuni nakwabanye, nangona sibe singaba sibunzima kuni, njengabapostile baka‐Kristu.
7
Kodwa sibe sinokutamba pakati kwenu, njengokuba umanyisikazi ebondla abake abantwana;
8
kwa njalo, sinilangazelela kakulu nje, sibe sinxamela ukunabela ingeyiyo ivangeli katixo yodwa, iyiyo eyetu imipefumlo nayo, ngenxa yokuba nibe nitandekile kuti.
9
Ngokuba nikumbula, bazalwana! ukuzama kwetu nokudiniswa kwetu: ngokuba, sisebenza ebusuku nasemini nje, size singabi bunzima kumntu wakuni, sibe siyishumayela kuni ivangeli katixo.
10
Ningamanqi̔na nina, kwa notixo, ukuba sati nina ukwenza ngobungcwele nangobulungisa nangokungenatyala kuni nikolwayo;
11
kwa njengokuba nisazi, okokuba nina nonke abanye ngabanye, njengokuba uyise epata abake abantwana, saniyala, sa ni tutuzela, sa ni nqi̔nisa,
12
ukuba nihambe ngokufanele utixo, onibizelayo kobake ubukumkani nobungcwalisa.
13
Ngenxa yoku siyabulela kutixo nati singayeki, ukuba nakulamkela kuti ilizwi lentshumayelo, e likatixo, nalamkela lalingelilizwi labantu, koko, njengokuba linjalo ngenyaniso, lalililizwi likatixo, eliti kanjako lisebenze kuni nikolwayo.
14
Ngokuba nina, bazalwana! naba ngabalandeli bazo iṙemente zikatixo ezise‐Judeya ku‐Kristu Yesu, ekubeni nani naziva intlungu ezikwa zizo ngabesizwe sakowenu, njengokuba bona nabo bezivile ngama‐Juda:
15
ate abulala kwa nenkosi u‐Yesu nabawo abaprofite, asitshutshisa tina kanjalo; engamkolisi utixo, eca̔sene nabantu bonke nakanjako;
16
esalela ukuteta kubaheyideni ukuba basindiswe; ukuze azalisekise izono zawo ngamaxesha onke. Kodwa umsindo uwafikele kude kugqitywe.
17
KODWA tina, bazalwana! sihlutiwe kuni ixesha elifutshane nje, ngobuso, bekungengentliziyo, sati kakulu ngakumbi sanxamela ukubona ubuso benu ngenkanuko enkulu.
18
Ngako oko safuna ukuza kuni, kwa mna Paulusi, nakanye nakabini; kanti u‐Satane wasitintela.
19
Ngokuba yinto nina itemba letu, mhlaumbi uvuyo lwetu, mhlaumbi isitsaba setu sokuqa̔yisela? Aninjalo nani kusinina ebusweni benkosi yetu u‐Yesu Kristu ekufikeni kwayo?
20
Ewe nini ubungcwalisa betu novuyo lwetu.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5