bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 10
Ezekiel 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 11 →
1
Ndajonga ndaza ndabona into engathi sisihlalo sekumkani esenziwe ngelitye lesafire, sithe zinzi esibhakabhakeni ngasentla kweentloko *zezithunywa ezimaphiko.
2
Waza *uNdikhoyo wathi kwindoda enxibe izambatho zelinen: “Ngena phakathi kwamavili lawa aphantsi kwezithunywa ezimaphiko, uzalise izandla zakho ngamalahle avuthayo, uwasasaze phezu kwesi sixeko.” Wangena ndikhangele njalo.
3
Izithunywa ezimaphiko zazimi kwicala lasezantsi endlwini kaThixo ngeli xesha indoda ingenayo. Inkundla ephakathi yayigqunywe lilifu.
4
Baza ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bafunquka phezu kwesithunywa esimaphiko, baya kuthi zinzi emnyangweni wendlu kaThixo. Yazala mome indlu kaThixo lilifu, yona inkundla yazala bubukhazikhazi bobuqaqawuli bukaNdikhoyo.
5
Isandi samaphiko ezithunywa ezimaphiko savakala nakwinkundla engaphandle, ngathi lizwi likaThixo uSomandla xa ethetha.
6
UNdikhoyo wayalela umfo onezambatho zelinen wathi: “Thatha umlilo apho phakathi kwamavili emi ngakwizithunywa ezimaphiko.” Waza umfo lowo ke wema ngasevilini.
7
Esinye sezithunywa ezimaphiko sasolulela emlilweni isandla saso. Sakha umlilo lowo, sawugalela ezandleni zomfo onezinxibo zelinen, waza ke waphuma nawo. (
8
Kwakukho izinto ezingathi zizandla zomntu phantsi kwamaphiko ezithunywa ezo.)
9
Ndajonga ndabona amavili amane, lilinye ngakwisithunywa esimaphiko ngasinye; amavili ayebengezela okwekrizolite.
10
Ngembonakalo ayefana omane. Ivili ngalinye lalingathi linqumleze elinye ivili.
11
Xa zihamba zisiya nakuliphi na icala kumacala omane ezijonge kuwo izithunywa ezimaphiko amavili ayengajikelezi, izithunywa ezimaphiko zisiya nakweliphi na icala ejonge kulo intloko zingajika-jiki.
12
Wonke umzimba wazo, umhlana, izandla, namaphiko, wawungamehlo nje, ngokunjalo namavili lawo.
13
Ndeva amavili la kusithiwa ngabajikelezi.
14
Isithunywa ngasinye sasinobuso obune: obokuqala yayibobesithunywa esimaphiko, obesibini ibobomntu, obesithathu ibobengonyama, obesine ibobokhozi.
15
Zenyuka ke izithunywa ezimaphiko. Yayizeziya zidalwa ziphilayo ndandizibone ngasemlanjeni iKebhare.
16
Bezisithi zakusuka izithunywa, namavili ahambe; zithi zakuwatwabulula amaphiko azo izithunywa, zilungiselela ukuphakama emhlabeni, amavili ebengasuki ecaleni lazo.
17
Bezithi zakuma izithunywa ezimaphiko, nawo amavili eme; zithi zakuphakama izithunywa ezimaphiko, nawo amavili aphakame, kuba uMoya olawula izidalwa eziphilayo wawuwalawula namavili.
18
Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo bashenxa emgubasini wendlu kaThixo, bathi gubungu phezu kwezithunywa ezimaphiko.
19
Ndisakhangele njalo izithunywa ezo zawatwabulula amaphiko, zenyuka emhlabeni, kwaza ekusukeni kwazo namavili esuka. Zaza zema esangweni elisempuma yendlu kaNdikhoyo, ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli buhleli phezu kwazo.
20
Ezi zidalwa ziphilayo zezi ndazibona zixhase uThixo kaSirayeli ngasemlanjeni iKebhare. Ndaza ke ndaqonda ukuba zizithunywa ezimaphiko.
21
Sisinye sasibuso bune, namaphiko emane, nezinto ezingathi zizandla zomntu apha phantsi kwamaphiko.
22
Ubuso bazo babufana kanye nobuya ndandibubone ngasemlanjeni iKebhare. Ngasinye ngasinye sasisiya kwelo cala sikhangele ngakulo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48