bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 11
Ezekiel 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 12 →
1
Wasuka uMoya wandifunqula wandibeka esangweni lendlu *kaNdikhoyo elijonge empumalanga. Apho ekungeneni kwesango kwakukho amadoda angamashumi amabini anesihlanu, phakathi kwawo ndabona uYazaniya unyana ka-Azure, noPelatiya unyana kaBhenaya, iinkokheli zabantu.
2
Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, la ngala madoda enza amayelenqe angendawo neengcebiso ezikhohlakeleyo kwesi sixeko.
3
Athi: ‘Eli asililo ixesha lokuba kwakhiwe izindlu. Esi sixeko siyimbiza; thina siyinyama ephekwayo.’
4
Ngako oko, mntundini, shumayela ubakhalimele. Ndithi shumayela!”
5
Wandongamela uMoya kaNdikhoyo, wathi: “Danduluka uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Nakuba nina ndlu kaSirayeli nithetha oku, kodwa ndiyazazi iingcinga zenu.
6
Nibulele inkitha yabantu kwesi sixeko, zada zazala zizidumbu izitalato.
7
“Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Izidumbu zabantu ababulewe nini ziyinyama, isixeko sona siyimbiza, kodwa nina ndiza kunigxotha kwesi sixeko.
8
Niyaloyika ikrele, ndaye ndiza kunivisa ikrele, itsho iNgangalala enguNdikhoyo.
9
Ndiya kunikhuphela ngaphandle kwesi sixeko, ndize ndininikezele kwabasemzini ukunohlwaya.
10
Niya kufa ngekrele emideni yakwaSirayeli. Ewe, ndiya kunigweba nitsho nindazi ukuba ndinguNdikhoyo.
11
Esi sixeko asiyi kuba yimbiza, nani aniyi kuba yinyama ephekwayo; ndiya kunigweba ndize ndinohlwaye kwalapha emideni yakwaSirayeli.
12
Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndinguNdikhoyo. Kaloku niyityeshele imimiselo yam, naphambuka kwimithetho yam, naza nazibeka mgangathweni mnye nezizwe eziningqongileyo.”
13
Ndathi ndisashumayela njalo, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso, ndakhala ndadanduluka ndathi: “Awu, Nkosi Ndikhoyo! Ngaba uza kuyitshabalalisa tu nentsalela kaSirayeli?”
14
Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
15
“Mntundini, abantakwenu – abantakwenu abaligazi lakho, nditsho bonke abendlu kaSirayeli abathinjiweyo – ngabo kanye ekuthethwa ngabo ngabemi baseJerusalem kusithiwa: ‘Nina nimele kude *kuNdikhoyo; lo mhlaba uwunikezele kuthi ukuba ube ngowethu.’ ”
16
“Ngako oko yithi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndawagxothela kude emazweni, ndawasarhaza ezintlangeni, ndaza okwelo xeshana ndasisibingelelo sabo.
17
“Ngoku ke yithi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndiya kuniqokelela ezintlangeni, ndinibuyise kuloo mazwe benithe saa kuwo, ndize ndiphinde ndininike umhlaba kaSirayeli.
18
Abathinjwa baya kubuyela kuwo, bayisuse phakathi kwabo yonke imifanekiso engamasikizi kwanezithixo ezinezothe.
19
Ndiya kubenza bandikhonze bengenakumbi, ndibanike umoya omtsha; ndiya kuyikhupha kubo intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndibanike intliziyo yentobeko.
20
Baya kwenza ngokwemimiselo yam, bayithobele ngononelelo imithetho yam. Baya kuba ngabantu bam, nam ndibe nguThixo wabo.
21
Kodwa abo bantliziyo zinamathele kwimifanekiso engamasikizi nakwizithixo ezinezothe baya kuvuna loo nto bayihlwayeleyo, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
22
Zasuka izithunywa ezimaphiko namavili azo emi ngakuzo, zawatwabulula amaphiko azo, baza ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli baphezu kwazo.
23
Ubuqaqawuli bukaNdikhoyo baphuma esixekweni, baya kuthi nqumama phezu kwentaba engasempumalanga kuso.
24
Wandifunqula uMoya, waya kundibeka phakathi kwabathinjwa eBhabheli ngokombono ovela kuMoya kaThixo. Wandishiya umbono,
25
ndaya ndabaxelela abathinjwa konke endikuboniswe nguNdikhoyo.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48