bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 12
Ezekiel 12
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 13 →
1
Ilizwi *likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
2
“Mntundini, uhleli nabantu abangabavukeli. Banamehlo, kodwa ababoni; baneendlebe, kodwa abaphulaphuli; kuba kaloku bangabavukeli.
3
“Ngako oko, mntundini, bopha konke okwakho, ulungiselele ukufuduka. Uze uthi emini, bekubona, unduluke, ufudukele kwenye indawo. Mhlawumbi ke bangaqonda, nakubeni bengabantu abangabavukeli.
4
Emini njalo, bejongile, uze uwubeke phandle umthwalo wakho sewulungele imfuduko, uphume kwakuhlwa, bekukhangele njalo, ungene endleleni yemfuduko.
5
Bekubukele njalo, gqobhoza eludongeni lwendlu, uphume nempahla yakho.
6
Uze uyityathe bekujongile ngorhatya, ungene endleleni. Uze ubugqume ubuso bakho, ukuze ungaliboni ilizwe, kuba ndikwenze umqondiso kwindlu kaSirayeli.”
7
Ndenza njengoko ndiyalelwe. Ndayikhupha emini impahla yam seyingumthwalo olungiselelwe imfuduko. Ndaza ngokuhlwa ndagqobhoza eludongeni ngezandla zam. Ngorhatya ndaphuma endijongile ndithwele impahla yam emagxeni.
8
Kusasa ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
9
“Mntundini, abakubuzanga na oonkanishe abayindlu kaSirayeli ukuba: ‘Wenza ntoni na?’
10
Uze uthi kubo: ‘Ithi iNkosi uNdikhoyo: Olu daba lundilisekileyo luqondene nenkosana eseJerusalem nayo yonke indlu kaSirayeli elapho.’
11
“Ewe, yithi: ‘Mna ndingumqondiso kuni. Nakuni kuya kwenzeka njengokuba kwenzekile kum.’ “Nâbo baseJerusalem baya kufuduswa.
12
Inkosana yabo iya kuyithwala impahla yayo emagxeni, isabe ngorhatya. Iya kuvulelwa umngxuma emayiphume ngawo eludongeni. Iya kubugquma ubuso bayo, itsho ingaliboni ilizwe.
13
Ndiya kuyithiyela ngezabatha, ize ibhajiswe zizo; ndiya kuyisa eBhabheli ilizwe lamaKaledi, kodwa yona ayisayi kulibona, yaye iya kufela apho.
14
Ndiya kubasarhaza bonke abalandeli, nditsho nkqu amafanankosi nemikhosi. Ndiya kubaleqa ndiqhiwule ikrele.
15
“Xa sendibenze baphalala ezintlangeni nasemazweni baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.
16
Kodwa ndiya kusindisa intsalela yabo ekutshatyalalisweni likrele, nendlala, nobhubhani, khon' ukuze izixele izenzo zabo ezimanyumnyezi kwezo ntlanga iya kuhamba phakathi kwazo. Xa kunjalo baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
17
Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
18
“Mntundini, ngcangcazela xa usidla ukutya kwakho, udude kukoyika xa usela amanzi.
19
Yithi kubantu beli lizwe: ‘Ngokuphathelele kubantu abahlala eJerusalem nakwilizwe lamaSirayeli itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ukutya kwabo baya kukutya bexhalabile, amanzi bawasele bephelelwe lithemba, kuba ilizwe labo liza kushiywa lize ngenxa yezenzo zobutshijolo zabantu balo.
20
Izixeko ezinabantu ziya kuba ngamabhodlo, lize ilizwe libe sebugxwayibeni. Noqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.’ ”
21
Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
22
“Mntundini, andibi kukho iqhalo kwaSirayeli elithi: ‘Ziyahamba zona iintsuku, wona umbono ungaphumi ntweni’?
23
Yithi ke kubo: ‘Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiza kuliphelisa eli qhalo, ukuze lingabuye livakale kwaSirayeli.’ Yithi kubo: ‘Sezisondele iintsuku zokuba yonke imibono izalisekiswe.
24
Kaloku iza kuphela imibono elambathayo nokuhlatywa kwemihlola engento apha kwaSirayeli.
25
Mna Ndikhoyo ndiza kuthetha endikuthethayo, kuze kuzaliseke ngokukhawuleza. Ithi iNgangalala enguNdikhoyo: Konke endikuthethayo phambi kwenu kozalisekiswa ngemihla yenu, ndlundini inenkani.’ ”
26
Ilizwi likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
27
“Mntundini, indlu kaSirayeli ithi: ‘Imibono ayibonayo yeyeminyaka ezayo, neentshumayelo zakhe zezexesha elizayo.’
28
“Yithi ke kubo: ‘Itsho iNgangalala enguNdikhoyo ukuthi: Akukho lizwi lam liza kulityaziswa; konke endikuthethileyo kuza kwenzeka! Nditshilo nje mna Nkosi Ndikhoyo nditshilo.’ ”
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48