bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 13
Ezekiel 13
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 14 →
1
Ilizwi *likaNdikhoyo ndaliva lisithi:
2
“Mntundini, shumayela ngokuchaseneyo *nabashumayeli bakwaSirayeli abashumayela izinto abazikha engqondweni yabo, uthi kubo: Phulaphulani ilizwi likaNdikhoyo!
3
Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: ‘Yeha iziyatha zabashumayeli ezinkqubo ihamba ngokweentliziyo zabo, bengakhange babe nawo umbono.’
4
Abashumayeli bakho, Sirayeli, banjengempungutye enxiweni.
5
Anizidubanga ngokuvingca iintanda, nilungisa udonga, nisenzela indlu kaSirayeli, khon' ukuze yomelele edabini ngomhla kaNdikhoyo.
6
Banemibono ephuthileyo; izihlabo zabo zibubuxoki. Bathi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ kodwa engabathumanga; kanti kuyo yonke loo nto balindele ukuba udaba lwabo lufezekiswe.
7
Anibangwa yimibono ephuthileyo nezihlabo zobuxoki xa nisithi: ‘Utsho uNdikhoyo,’ ndibe mna ndingathethanga?
8
“Ke ngoko ithi iNgangalala uNdikhoyo: Ngenxa yamazwi enu aphuthileyo, nemibono ebubuxoki, mna ndichasene nani, itsho iNkosi uNdikhoyo.
9
Isandla sam siya kuba gadalala kwabo bashumayeli babona imibono ephuthileyo, behlaba izihlabo ezibubuxoki. Abayi kuba ngamaphakathi equmrhu labantu, namagama abo akayi kubhalwa kwimiqulu yendlu kaSirayeli, bengayi kuvunyelwa ukuba banyathele kumhlaba kaSirayeli. Niya kuqonda ke ngoko ukuba mna ndiyiNkosi uNdikhoyo.
10
“Ngenxa yokulahlekisa abantu bam ngokuthi: ‘Luxolo,’ lube lona uxolo lungekho, nokuthi ziqatywe ngekalika iindonga ezakhiwe zaethe-ethe,
11
mabaxelelwe abo baziqabileyo ukuba ziza kudilika. Ziza kufika zona iziphango ezinezichotho ezikhulu nezivondoviya zomoya.
12
Xa ke sezidilika iindonga abantu baya kunibuza bathi: ‘Iphi ikalika ebeziqatywe yona?’
13
“Ngako oko ithi iNkosi uNdikhoyo: Emsindweni wam ndiza kwenza kubekho inkanyamba eya kuba nesichotho nezandyondyo zemvula eya kutshabalalisa.
14
Ndiya kuludiliza udonga eniluqabe ikalika, nditsho luthi bhuma phantsi, kuvele isiseko salo. Luya kunityumza nife nina xa ludilikayo. Niya kwazi mhlophe xa kunjalo ukuba ndinguNdikhoyo.
15
“Umsindo wam ndiya kuwukhuphela kolo donga nakwabo baliqabe ngekalika. Ndiya kuthi kuni: ‘Ludilikile udonga; batshabalele nabo bebeliqabe ngekalika –
16
nditsho abashumayeli bakwaSirayeli ababeshumayela eJerusalem, benemibono yoxolo kuyo, kanti kwakungekho xolo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.’
17
“Ke ngoku, mntundini, zifulathele iintombi zabantu bakowenu ezishumayela intshumayelo eziyikha engqondweni. Zikhalimele
18
uthi: ‘Naku okuthethwa nguNdikhoyo iNgangalala: Yeha kwabo bafazi bafaka iintsimbi ezinyangiweyo ezihlahleni zabo, nabathwala izigqubuthelo zeendidi ngeendidi ezintloko, besenzela ukutsala abantu. Nithi ningabambisa abantu bam nize nina nisinde?
19
Nindinyelisile kubantu bam ngenxa yezityana ezimbalwa zerhasi neengqweqwe zesonka. Ngokubaxokisa abantu bam ababuphulaphulayo ubuxoki, nibulele ababefanele ukungafi, nasindisa abo babemele ukufa.’
20
“Ithi ke iNkosi uNdikhoyo: Ndichasene nezo zihombo zenu zinyangiweyo enibambisa ngazo abantu ngathi ziintaka, ndaye ndiza kuziqhawula ezingalweni zenu; ndiza kubakhulula abo bantu nibabambise okweentaka.
21
Ndiya kuzikrazula izigqubuthelo zenu, ndibasindise abantu bam kuni, baze bangabuye baphinde babe phantsi kweempembelelo zenu. Noqonda ke ukuba ndinguNdikhoyo.
22
Ngenxa yokuwatyhafisa amalungisa ngobuxoki benu ngaphandle kwam, nangenxa yokukhuthaza kwenu abakhohlakeleyo ukuba bangaguquki kwinkohlakalo yabo ukuze businde ubomi babo,
23
anisobe niphinde nibone imibono ephuthileyo, okanye nihlabe umhlola. Ndiya kubakhulula abantu bam kwiimpembelelo zenu. Xa kunjalo niya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48