bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 21
Ezekiel 21
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 22 →
1
Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2
“Mntundini, bhekisa eJerusalem, usikhalimele isibingelelo kwanelizwe lakwaSirayeli.
3
Yithi kulo: Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndichasene nawe! Ndiya kulithi rhuthu ikrele lam esingxobeni salo, lidle kolilungisa nakokhohlakeleyo ngokufanayo.
4
Njengoko ndiza kubulala olilungisa nokhohlakeleyo ikrele lam liza kugwaza bonke abantu ukusuka emzantsi kuye emntla.
5
Baya kuqonda ngoko ke bonke abantu ukuba mna Ndikhoyo ndilikhuphile ikrele lam esingxobeni salo; kwaye alisokube liphinde libuyele.
6
“Ngako oko, mntundini, yenza incwina! Yenze phambi kwabo incwina yentliziyo eyaphukileyo nokudandatheka okukhulu.
7
Bakuthi bakubuza: ‘Yincwina yani na le uyenzayo?’ wophendula ngelithi: ‘Ndenziwa ludaba oluzayo. Luya kuzenza iintliziyo zibe nedyudyu, aphele amandla ezandleni; iya kudakumba imiphefumlo, agevezele amadolo.’ Luyeza! Luyeza, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
8
Ndive ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
9
“Mntundini, shumayela uthi: Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ikrele, ikrele, intshengeca ebengezelayo,
10
eseyilungele ukugwaza, ibengezela okombane ulenyeza. Khawutsho, nyana, ngaba singavuya na umsimelelo ugeca yonk' imithi?
11
Ikrele selilungele ukusulwa ligude lize kuthiwa hlasi ngesandla; ewe, lilolwe labengezela, lilungele isandla somgwazi.
12
Khala wenze isijwili, mntundini, kuba liza kudla kubantu bam, liza kudla ezinkosini zakwaSirayeli. Ziza kuba sisisulu sekrele zona nabantu bam. Hlunguzelisa intloko wena;
13
luyeza lona uvavanyo. Bekutheni ukuze uwudele umsimelelo? Hayi, alusayi kuba nampumelelo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
14
Ngako oko shumayela, mntundini, ude ubethe ngesandla. Ikrele maligwaze kabini, okanye kude kube kathathu. Likrele lokutshabalalisa; ewe, ikrele lokubhubhisa liza kuvela macal' onke.
15
Ziya kugubha iintliziyo nabafayo baya kuba yinyambalala, kuba ikrele lentshabalalo liya kuba kumasango onke. Awu! Liya kumenyezela okombane, kuba lithiwe qhiwu ukuze ligwaze.
16
Awu, krele, yidla kosekunene, udle kosekhohlo, nakuwo onke amacala.
17
Nam ngokwam ndiya kubetha ngesandla, nengqumbo yam iya kuthotha. Ndithethile mna Ndikhoyo.”
18
Ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
19
“Mntundini, khomba iindlela ezimbini eziya kukhokela umkhosi wokumkani waseBhabheli kweli lizwe. Zombini ezi ndlela maziphume ndawonye. Yenza umqondiso kuloo ndawo iphambuka khona indlela eya esixekweni.
20
Umkhosi walathise indlela eya kwiRabha yama-Amon, uze uwalathise nendlela eya kwaJuda esixekweni esinqatyisiweyo saseJerusalem.
21
Kaloku ukumkani waseBhabheli uya kunqumama ekudibaneni kweendlela zombini, afune umqondiso. Uya kwenza amaqashiso ngeentolo, avumise kwizithixo zakhe; uya kujonga nasesibindini.
22
Iqashiso lesandla sasekunene liya kumalathisa eJerusalem, apho aya kumisa khona izigodo zokudiliza, ayalele ukuba ikrele malidle emntwini, ahlabe umkhosi wokudiliza amasango ngezigodo zakhe, akhe izikanisi ezayame iindonga zokunqabisa, asirhangqe isixeko.
23
Umqondiso uya kuba ngathi yimpazamo kwabo baya kuba bephantsi kolawulo lwakhe eJerusalem. Kodwa uya kubakhumbuza ngobutyala babo, abathimbe.
24
“Ke ngoko uthi *uNdikhoyo iNgangalala: Ngenxa yokuba, bantundini, ityala lenu nilibonakalise nazicacisa ukuba ningabavukeli, nazityhila nezono zenu ngazo zonke izenzo zenu, ngoko ke niya kuthinjwa.
25
“Wena nkosana yakwaSirayeli ehlazekileyo nekhohlakeleyo, ifikile eyakho imini; ixesha lokohlwaywa lilo eli.
26
Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo.
27
Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.
28
“Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi: “Ikrele, ikrele lokubulala, liyabengezela, lifuna emntwini, limenyezela okombane.
29
Nakuloo mibono ingeyonyani, mibono leyo ingawe, xa kuvunyiswa ngawe, wozitsheca iintamo zabakhohlakeleyo abafanele ukubulawa; kuba imini yabo ifikile, ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.
30
Libuyisele ikrele esingxobeni salo; mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho; ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.
31
Ndiya kuyikhuphela kuwe ingqumbo yam, ndikuvuthulule ngoshushu wona umsindo. Ndiya kukwenza ixhoba lezikrelemnqa, amachule kanye okubhubhisa.
32
Uya kutsha njengeenkuni emlilweni; igazi lakho liya kuphalala kwelakowenu. Uya kulityalwa ukuba wakha wakho. Kaloku ndithethile mna Ndikhoyo.”
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48