bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 30
Ezekiel 30
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 31 →
1
Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
2
“Mntundini, shumayela uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Khala uthi: ‘Yehaa loo mini!’
3
Umhla sewusondele, umhla kaNdikhoyo ufikile: umhla wamafu, ithuba lomngcipheko weentlanga.
4
Liya kufika ikrele eJiputa; intlungu iya kugaleleka eKushe. Xa bezizigede ababuleweyo eJiputa, buya kuthinjwa ubutyebi bakhona; ziya kudilizwa iziseko zayo.
5
Ikrele liya kutyakatya eKushe nasePuti, eLudi nakwelama-Arabhu liphela, eKubhi nakubantu bomhlaba womnqophiso, njengokuba lisenza eJiputa.
6
“Uthi uNdikhoyo: Abangecala leJiputa baya koyiswa; amandla ayo eqhayiya aya kuwa phantsi. Baya kutyakatywa ngekrele ukusuka eMigidoli kuthi gaa ngeAswan, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
7
“IYiputa ndoyitsho ibe bubugxwayiba phakathi kobugxwayiba, izixeko zayo zibe ngamanxuwa njengezinye.
8
Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo, xa nditshabalalisa iJiputa ngomlilo, ndibaqushe abancedisi bayo.
9
“Ngaloo mini izithunywa zam ziya kuphuma ngeenqanawe ukuya kufaka ivuso eKushe. Baya kukhwankqiswa yintlungu ngomhla wokutshabalala kweJiputa, kuba ngenene uyeza.
10
“Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: “Ubutyebi baseJiputa ndobuphelisa ngesandla sikaNebhukadenezare ikumkani yaseBhabheli.
11
Wofika nomkhosi wakhe (umkhosi wesizwe esigonyamelayo) ukuza kutshabalalisa ilizwe. Baya kuyihlasela iJiputa, ilizwe lizale zizidumbu.
12
Imisinga yomlambo iNayile ndiya kuyitsho yome nko, umhlaba ndiwunikezele kumadoda akhohlakeleyo. Ndiya kuthuma abasemzini bawubhukuqe umhlaba nayo yonke into ekuwo. Nditshilo nje mna Ndikhoyo, nditshilo.
13
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: “Ndoyitshitshisa imifanekiso, ndizitshabalalise izithixo zaseMemfisi. Akuyi kubakho nkosi eJiputa; ndiya kulenza lonke ilizwe lithuthumele kukoyika.
14
Ndiya kuyidlakaza iPatros, ndiyifake umlilo iZowan, iThebhesi ndiyohlwaye.
15
Ingqumbo yam ndoyikhuphela ePelusiyo, inqaba yaseJiputa; izihlwele zaseThebhesi ndozinqamla.
16
IJiputa ndoyifaka umlilo; iPelusiyo yosuka ipena-pene, iThebhesi ithinjwe ngesikhawu, yona iMemfisi ihlale ithuthumela.
17
Baya kutyakatywa ngekrele abafana baseOn nabasePibhesete; ziya kuthinjwa zona izixeko.
18
Koba mnyama emini eTapanesi mhla ndayihlabanisela iJiputa; kumhla atshitsha amandla ayo eqhayiya. Iya kugutyungelwa lilifu, mhla zathinjwa iilali zayo.
19
Ewe, iJiputa ndiya kuyohlwaya, ukuze yazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
20
Ngosuku lwesixhenxe kwinyanga yokuqala kunyaka weshumi elinanye ndeva ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
21
“Mntundini, ndiyaphule ingalo yokumkani waseJiputa. Ayibotshwanga yanyangwa ukuze iphile, yomelele; akakwazi ukuphatha ikrele ngayo.
22
Ke kaloku itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Ndiyalwa nokumkani waseJiputa. Ndiza kumvikiva iingalo zombini, le ingekaphuki naleya seyaphukile, khon' ukuze ikrele liwe akuliphatha.
23
Ndiza kuwaswantsulisa amaJiputa, abhacele ezintlangeni.
24
Ndiza kuzomeleza iingalo zokumkani waseBhabheli, ndimxhobise ngekrele lam, kodwa ndiza kuzaphula iingalo zikakumkani waseJiputa, atsho ancwine okomntu ohlatyaniselweyo ephambi kwakhe.
25
Ndiza kuzixhasa iingalo zokumkani waseBhabheli, kodwa yena owaseJiputa uza kuwa iingalo. Baya kwazi ke ngoko ukuba ndinguNdikhoyo, xa sendimxhobisa ukumkani waseBhabheli alityityimbisele elaseJiputa.
26
Ndiya kuwaswantsulisa amaJiputa, abhacele ezintlangeni. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”
← Chapter 29
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 31 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48