bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 36
Ezekiel 36
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 37 →
1
“Mntundini, shumayela ubhekise kwiintaba zakwaSirayeli, uthi: Zintaba zakwaSirayeli, yivani ilizwi *likaNdikhoyo.
2
Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Iintshaba zathi ngani: ‘Yehaa, iintaba zamandulo zezethu ngoku!’
3
Ke ngoko shumayela uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kuba benidlakaze banizingela ndaweni zonke, naza ke ngoko naba phantsi kwamasalela eentlanga, nayinto yokungcikivwa nondaba-mlonyeni,
4
ngoko, zintaba zakwaSirayeli, liveni ilizwi leNkosi uNdikhoyo: Itsho iNkosi uNdikhoyo kwiintaba neenduli, kwiingxingwa neentlambo, kumabhodlo asebugxwayibeni nezixeko ezingamanxuwa ngenxa yokutyhuthulwa nokuba yintlekisa yamasalela eentlanga ezingabamelwane –
5
itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ngenxa yekhwele suka ndawakhalimela amasalela ezinye iintlanga kwane-Edom, kuba bathe bechulumanca, iintliziyo zabo zizele mome yinkohlakalo, bawuthatha umhlaba wam, bawenza owabo, ukuze bawathimbe amadlelo.
6
Ngoko ke shumayela ubhekise kwilizwe lakwaSirayeli, kwiintaba neenduli neengxingwa neentili, uthi: Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndithethe ngekhwele ndisemsindweni, kuba ziningcikivile iintlanga.
7
Itsho ke ngoko iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Ndimisa isibhozo ndisithi iintlanga ezimelene nani nazo ziya kungcikivwa.
8
“Kodwa nina, zintaba zakwaSirayeli, niza kuvelisa amasebe neziqhamo zibe zezabantu bam amaSirayeli, kuba sebeza kugoduka.
9
Ndiyavelana nani, ndaye ndiza kunibonelela; niza kulinywa nihlwayelwe.
10
Ndiya kunandisela abemi, nditsho nkqu yonke indlu kaSirayeli. Ziya kuba nabantu izixeko, avuswe amabhodlo.
11
Ndiya kulandisa inani labantu nemfuyo; ziya kuchuma zande. Ndiya kumisa abantu kuni, kube ngcono kuni kunangaphambili. Niya kuqonda ngoko ukuba ndinguNdikhoyo.
12
Ndiya kubenza abantu bam, amaSirayeli, banyathele phezu kwenu. Niya kuba ziintaba zabo, nibe lilifa labo. Anisoze niphinde nibahluthe abantwana babo.
13
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo kwilizwe lakwaSirayeli ukuthi: Njengoko abantu besithi: ‘Uyabaqwenga abantu, isizwe usihluthe abantwana,’
14
ngoku ke akuyi kuphinda uqwenge abantu, uhluthe nesizwe abantwana, itsho iNgangalala uNdikhoyo.
15
Andiyi kuphinda ndikwenze unyamezele ukugxwalwa zizizwe, ube yintlekisa yabantu, nokuba siwe isizwe sakho, itsho iNkosi uNdikhoyo.”
16
Kwakhona ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:
17
“Mntundini, amaSirayeli aligqwalisile ilizwe ngesimo nangezenzo zawo ngexesha ayehlala kulo. Isimo sawo emehlweni am nqwa nomfazi ohlambayo.
18
Ndayikhuphela kuwo ke ingqumbo yam, kuba ayeliphalazile igazi elizweni, alixabhela ngezithixo.
19
Ndawasarhaza ezizweni aziimbacu emazweni, ndabohlwaya ngokwesimo nezenzo zawo.
20
Naphi na apho ahamba khona ezizweni alinyelisa igama lam elingcwele, kuba kwakusithiwa: ‘Aba ngabantu bakaNdikhoyo, kodwa kwanyanzeleka balishiye ilizwe lakhe.’
21
Ndakhathazeka ngenxa yegama lam elingcwele elalinyeliswa yindlu kaSirayeli ezizweni ayebhacele kuzo.
22
“Ngoko ke, yithi kwindlu kaSirayeli: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Into endiyenzayo andiyenzi ngenxa yenu, maSirayeli, kodwa kungenxa yegama lam elingcwele enilenze ladelwa ezizweni enihamba kuzo.
23
Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.
24
“Ndiya kunilanda ezizweni, ndinibuthe kuwo onke amazwe, ndinibuyisele kwelakowenu.
25
Ndiya kunitshiza ngamanzi acocekileyo ukuze nicoceke; ndiya kukukhupha ukungcola kuni, ndinenze nahlukane nezithixo.
26
Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.
27
Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.
28
Niya kuhlala elizweni endandilabele ookhokho benu; niya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wenu.
29
Ndiya kunihlangula ekungcoleni kwenu, ndigunyazise isivuno esikhulu sengqolowa, nize nahlukane nendlala.
30
Ndiya kuyenza iqhame imithi, sichume nesivuno emasimini, ukuze ningabuye nihlazeke ezintlangeni ngenxa yendlala.
31
Niya kuzikhumbula ke iindlela zenu ezigwenxa, nezenzo zenu ezikhohlakeleyo, nize nizisole ngezono nangezenzo zenu ezilizothe.
32
Qondani ukuba oku andikwenzi ngenxa yenu, itsho iNkosi uNdikhoyo. Yibani neentloni, nizive nihlazekile ngenxa yesimo senu, ndlu kaSirayeli.
33
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Mhla ndanihlambulula ezonweni zenu ndiya kubabuyisela abantu ezixekweni, avuswe amabhodlo.
34
Umhlaba oyinkangala uya kulinywa, uze ungalali ube yinkangala kubantu abacanda kuwo.
35
Baya kuthetha bathi: ‘Lo mhlaba ubufudula uyinkangala, ngoku unjengomyezo waseIdeni; izixeko ebekufudula kusenxuweni zidilikile, ngoku zinqatyisiwe zimiwe.’
36
Ngoko ke amasalela eentlanga ezimelene nani aya kuqonda ukuba mna Ndikhoyo ndiyivusile into ebidiliziwe, ndatyala apho bekusenkangala. Ndithethile mna Ndikhoyo, ndiya kuyenza loo nto.
37
“Itsho iNgangalala uNdikhoyo ukuthi: Kwakhona ndiza kukuphulaphula ukubongoza kwendlu kaSirayeli, ndibenzele oku: Ndiya kubenza abantu bayo bande okweegusha,
38
babe baninzi okwemihlambi yedini eJerusalem ngomhla wesidlo esimiselweyo. Izixeko ebezidilikile ziya kuzala yintlaninge yabantu, ngathi yimihlambi yeegusha. Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48