bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezekiel 44
Ezekiel 44
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 43
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 45 →
1
Yaza ke le ndoda yandibuyisela kwisango elingaphandle lesibingelelo, eli lijonge empumalanga; lalivaliwe.
2
Wathi *uNdikhoyo kum: “Eli sango malihlale livaliwe. Lize lingavulwa; kungangeni mntu ngalo. Liza kuhlala livaliwe kuba uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, ungene ngalo.
3
Yinkosi kuphela komntu onokuhlala ngaphakathi kwesango atye phambi kukaNdikhoyo. Iya kungena ngevaranda yesango, ize ibuye iphume kwangayo.”
4
Indoda yandisa phambi kwendlu kaThixo ngesango elingentla. Ndakhangela ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo buyizalisa indlu kaThixo, ndacambalala ndifihla ubuso.
5
Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, jongisisa ngamehlo akho, uphulaphule kakuhle ngeendlebe, uze ukuthathele ingqalelo konke endiza kukuxelela kona ngemigaqo yonke ebhekiselele kwindlu kaNdikhoyo. Bathathele ingqalelo bonke abangenayo nabaphumayo emasangweni esibingelelo.
6
Xelela indlu kaSirayeli, abavukeli, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kambe, ndlu kaSirayeli, nikruqule ngamanyundululu enu
7
xeshikweni ninikela kum ngokutya, nangamanqatha, negazi, nide nangenisa esibingelelweni sam iintlanga ezingandikhonziyo ezingalukanga. Ngokwenjenjalo nasinyelisa isibingelelo, nawutyeshela umnqophiso wam ngamanyundululu enu.
8
Endaweni yokuqhuba ngokwemigaqo ebhekiselele kwizinto zam ezingcwele, niyalele bantu bambi ukuba balawule isibingelelo sam.
9
Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akukho ntlanga ingalukanga engandikhonziyo iya kungena esibingelelweni sam, nditsho nkqu nomngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli.
10
“Kuphela ngabaLevi abamelwe kukulawula isibingelelo sam, kanti abaLevi basuke bandityeshela ngexesha lokukreqa kwamaSirayeli, baza bahambela kude nam ngenxa *yezithixo zabo. Ke ngoko ndiyabohlwaya ngenxa yesono sabo.
11
Bangade beme phambi kwesibingelelo sam, balawule amasango endlu kaThixo, basebenze nakuyo; bangawaxhela amadini etshiswayo, babenzele namadini abantu; bangema phambi kwabantu bebalungiselela.
12
Kodwa ngenxa yokuba abantu babenzele amadini noxa bekhonza izithixo, baza ngokwenjenjalo bayeyelisela esonweni indlu kaSirayeli, ndamisa isibhozo ndisithi baza kohlwaywa ngeziphoso zabo, utsho uMhlekazi uNdikhoyo.
13
“Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi.
14
Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.
15
“Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
16
Ngabo kuphela abaya kungena kweyona ndawo ingcwele; ngabo kuphela abaya kundilungiselela etafileni yam, babingelele phambi kwam, bawenze umsebenzi wam.
17
“Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo.
18
Baya kuthwala iiqhiya zelinen entloko, babhinqe ngaphantsi impahla yelinen, bangayinxibi impahla eya kubenza babile.
19
Xa bephumela kwinkundla engaphandle, apho kuhleli abantu, kufuneka bayikhulule impahla ebebelungiselela ngayo, bayishiye kumagumbi awodwa, baze banxibe enye, ukuze bangababeki esichengeni abantu ngempahla abayinxibileyo.
20
“Mabangaziguguli iintloko, okanye baziyeke iinwele zabo zikhule zibe nde, kodwa ze baziphungule nje.
21
Makungabikho mbingeleli usela iwayini xa eza kungena kwinkundla engaphakathi.
22
Abanakutshata umhlolokazi okanye umfazi owaliwe yindoda; bangatshata intombi yomnombo kaSirayeli kuphela, kungenjalo umhlolokazi wombingeleli.
23
Kufuneka bafundise abantu bam umahluko phakathi kwezinto ezahlulelwe mna nezizezinye, nokuba babe nako ukuyahlula leyo *inomlaza kwenyulu.
24
“Xa kukho iimbambano kuya kwahlula ababingeleli. Ze bakwenze oko ngokwemimiselo yam. Baya kuyithobela imigaqo, bayilulamele imimiselo ejongene nayo yonke imisitho emiselweyo, bajonge ukuba *neMihla yokuPhumla ibe yimihla eyodwa.
25
“Umbingeleli maze angazifaki umlaza ngokusondela esidumbini somntu; kodwa xa isidumbu isesoyise kungenjalo unina, unyana kungenjalo intombi, umntakwabo kungenjalo udade wabo ongatshatanga, angasondela kuso.
26
Uya kulinda isixhenxe seentsuku emva kokuba ehlanjululwe.
27
Mhla wangena kwinkundla engaphakathi yesibingelelo kufuneka azenzele idini lesono, itsho iNkosi uNdikhoyo.
28
“Makube kuphela kwam ilifa lababingeleli. Mabanganikwa mhlaba ungowabo kwaSirayeli; ndim owabo.
29
Baya kutya iminikelo yokutya, neyamadini esono, nawetyala; nayo yonke into kwaSirayeli eyinxaxheba kaNdikhoyo iya kuba yeyabo.
30
Ulibo oluphambili lolwabo, kwanazo zonke izipho zenu ezizodwa. Niya kubanika isabelo sokuqala somgubo wenu ukuze usikeleleke umzi wenu.
31
Ababingeleli mabangayityi inyama yento efileyo okanye eqwengwe ngamarhamncwa, nokuba yintaka, nokuba sisilo.”
← Chapter 43
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 45 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48