bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Revelation 11
Revelation 11
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 12 →
1
Ke kaloku ndanikwa ingcongolo ende yokulinganisa, kwathiwa: “Hamba uye kulinganisa *indlu kaThixo, neqonga lamadini, ubale nabo banqulayo.
2
Ke yona inkundla engaphandle uze ungazihluphi ngayo, kuba inikezelwe ezintlangeni. Zona ke ziya kusixusha ngeenyawo isixeko esingcwele isithuba esingangeenyanga ezingamashumi amane anambini.
3
Ngokunjalo ndiya kumisa amangqina amabini, ukuze avakalise udaba. Ngazo zonke ezo ntsuku zilishumi elinambini lamakhulu, mashumi omathandathu, aya kuba enxibe ezirhwexayo zokuzila.”
4
La mangqina ke yiminquma emibini, kunye nezibane ezibini ezimi phambi kweNkosi yehlabathi.
5
Ukuba kukho bani ufuna ukuwenzakalisa, emlonyeni wawo kuya kuphuma umlilo ulutshabalalise olo tshaba. Uya kufa ngolo hlobo ke umntu ofuna ukuwenzakalisa la mangqina.
6
Ewe, aya kuba namagunya okusivala isibhakabhaka ingani imvula ngexesha lokuvakalisa kwawo udaba lukaThixo. Futhi anawo amagunya okuwajika amanzi abe ligazi; ihlabathi liphela aya kuba namagunya okulihlisela izibetho ngezibetho ngokuthanda kwawo.
7
La mangqina aya kuthi akuba egqibile ukuluvakalisa udaba olo, kuphume irhamncwa enzonzobileni. Lona ke liya kulwa nawo liwabulale.
8
Imizimba yawo iya kuqungquluza esitalatweni sesixeko esikhulu, apho yaxhonywa khona emnqamlezweni iNkosi yawo. Esi sixeko sifuziselwa yiSodom okanye iJiputa.
9
Imizimba yala mangqina iya kuhlala apho iintsuku ezintathu ezinesiqingatha, baze abantu bezizwe ngezizwe, iintlanga ngeentlanga, neelwimi ngeelwimi, beze kuyibona, bangavumi ukuba ingcwatywe.
10
Ukufa kwaba babini kuya kuba yinto emnandi ebantwini behlabathi. Baya kwenza itheko, banikane izipho. Kaloku la mangqina aya kubangcungcuthekisa abantu behlabathi.
11
Emva kweentsuku ezintathu ezinesiqingatha uThixo wawaphefumlela la mangqina avuka, baza bonke abayibonileyo loo nto barhwaqela.
12
Kwavakala umkhwazo ophuma ezulwini usithi kuwo: “Nyukani nize apha!” Zathi zisabukele iintshaba zawo, anyukela ezulwini ngelifu.
13
Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.
14
Ngoku lidlule ishwangusha lesibini, kambe ke liyeza elesithathu kamsinya!
15
Ngokunjalo nesesixhenxe isithunywa salikhalisa ixilongo, kwaza kwavakala imikhwazo ezulwini, isithi: “Ngoku ihlabathi liza kulawulwa yiNkosi kunye noMthanjiswa wayo uKrestu, yaye ke iya kulawula kude kube ngunaphakade kanaphakade.”
16
Kananjalo amashumi amabini anesine amadoda amakhulu athe nqadalala phambi koThixo, athi qubudu phambi kwakhe, anqula embonga,
17
esithi: “Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla, wena Ndikhoyo owayekho kakade, kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!
18
Izizwe zagragrama; ke yona imini yempindezelo ifikile, abafileyo baza kugwetywa. *Abashumayeli, izicaka zakho, baza kwamkela, usapho lwakho, abakhulu kwanabanci, bebonke abakuthobelayo. Ewe, lifikile ixesha lokubatshabalalisa abo batshabalalisa ihlabathi!”
19
Yasuka yavuleka *indlu kaThixo esezulwini. Yatsho yabonakala ityesi yomnqophiso. Ngokunjalo ke kwabakho nezabhokwe zemibane, intswahla, ukugqekreza kweendudumo, nonyikimo-mhlaba, kunye nemvula yesichotho.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22