bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Ezekiel 47
Ezekiel 47
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 46
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 48 →
1
Yandibuyisela emnyango wayo indlu; Ndabona amanzi ephuma phantsi komnyango wendlu, esingise empumalanga; ngokuba umphambili wendlu ubumi ngasempumalanga, amanzi abe evela ezantsi ecaleni lasempumalanga kuyo indlu, ngecala lasezantsi leziko.
2
Wandisa ngendlela yesango langasentla, wandihambisa ngendlela engaphandle, wesa esangweni elingaphandle, ngendlela ekhangele empumalanga; ndabona amanzi empompoza kwicala lasekunene.
3
Xa indoda leyo iphethe umtya esandleni sayo, yaphuma yasinga empumalanga, yalinganisa iwaka leekubhite, yandisa emanzini; amanzi enyuke efikelela emaqatheni.
4
Wabuya walinganisa iwaka, wandithuthuzela emanzini; amanzi ayefika emadolweni. Wabuya walinganisa iwaka, wandithuthuzela; amanzi ebefika esinqeni.
5
Walinganisa iwaka; ibingumlambo endingenakuwuwela, kuba amanzi ebenyuka njengamanzi odada, njengomlambo ongawelekiyo.
6
Wathi kum, Ubonile na, nyana womntu? Yandibuyisela elunxwemeni lomlambo.
7
Ekubuyeni kwam, nanko kukho imithi emininzi elunxwemeni lomlambo, ngapha nangapha;
8
Yathi kum, La manzi aqukuqela esiya ezweni lasempumalanga, ehla entlango, angena elwandle;
9
Kuya kuthi ke, yonke into ephilileyo, enyakazelayo ezindaweni zonke othe wafika kuzo umlambokazi lowo, iphile; zibe zininzi kunene iintlanzi; ngokuba osuka efike khona la manzi, ngokuba ophiliswa; kwaye yonke into iya kuphila apho ufika khona umlambo.
10
Kuya kuma ababambisi beentlanzi phezu kwawo, bathabathele e-En-gedi, baye e-En-heglayim; iya kuba yindawo yokwaneka iminatha; ziya kuba ngokohlobo lwazo iintlanzi zabo, njengeentlanzi zoLwandle Olukhulu, ukuba zininzi kunene.
11
Ke iindawo zalo ezinodaka nemigxobhozo yalo aziyi kuphiliswa; baya kunikwa ityuwa.
12
Kufuphi nomlambo, ngaseludinini lwawo, ngapha nangapha, yonke imithi iya kuhluma edliwayo, engabuni amagqabi, nesiqhamo sawo singatshi; liya kuthwala isiqhamo esitsha ngeenyanga zalo, ngokuba amanzi alo aphuma engcweleni;
13
Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yiyo le imida eniya kuyidla ilifa ilizwe ngokwezizwe ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli: uYosefu woba namacandelo amabini.
14
Ilizwe niya kulidla ilifa, elowo kummelwane wakhe, ngokuba ndasiphakamisa isandla sam ukuba ndilinike ooyihlo; loba lilifa lenu eli lizwe.
15
Nguwo lo umda welizwe langasentla, wothabathela kuLwandle Olukhulu ngendlela yeHetolone, ukuba baye eSedade;
16
neHamati, neBherota, neSibrayim, phakathi komda weDamasko nomda waseHamati; eHatsarhathikone elunxwemeni lwaseHaurane.
17
Umda uthabathela elwandle, uthabathele eHatsare-enon, umda waseDamasko; Licala langasentla ke.
18
Ngecala lasempumalanga wolinganisa iHawuran neDamasko neGiliyadi, uthabathela ezweni lakwaSirayeli, iYordan; Licala lasempumalanga ke eli.
19
Ngecala lasezantsi ukuya ngasezantsi, uthabathela kwaTamare, wesa emanzini aseMeribhane-Kadeshe, umlambo uya kufika eLwandle oluKhulu. Licala lasezantsi ke elo, ukuya ngasezantsi.
20
Ngasentshonalanga koLwandle Olukhulu, ukusuka emdeni, kude kuse eHamati. Licala lasentshonalanga ke elo.
21
Zabelani ke eli lizwe ngokwezizwe zakwaSirayeli.
22
Lahlula ngamaqashiso, libe lilifa kuni, nakubaphambukeli abaphambukele kuni, abazele oonyana phakathi kwenu; kuwe baya kuba njengabazalelwe kwelo zwe phakathi koonyana bakaSirayeli; aya kudla ilifa ndawonye nawe phakathi kwezizwe zakwaSirayeli.
23
Nomnika ilifa lakhe emzalwaneni womphambukeli, ophambukele kuni; itsho iNkosi uYehova.
← Chapter 46
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 48 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48