bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 John 1
2 John 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
1
UMDALA kuyo inkosikazi enyuliweyo nakubo abantwana bayo, endibatandayo mna enyanisweni; ndingendim ndedwa, ngabo bonke abayazileyo inyaniso nabo;
2
ngenxa yenyaniso ehlala kuti, eya kubako nati kude kube ngunapakade kanjalo:
3
Makubeko nani ufefe, ububele, uxolo luvela kutixo uyise, na kwinkosi u‐Yesu Kristu unyana kayise, enyanisweni naselutandweni.
4
Ndavuya kunene ukuba ndifumene abantwana bako inxenye behamba enyanisweni, njengokuba besiwamkele umyalelo kuye uyise.
5
Nakaloku ndiyakutandaza, nkosikazi! kungenjengokungati ndiba̔la umyalelo omtsha kuwe, koko ndiba̔la lowo esibe sinawo kwa sekuqaleni, wokuba sitandane.
6
Lulo olu ke utando, lwokuba sihambe ngokwemiyalelo yake. Nguwo lo umyalelo: Lwokuba niti, njengokuba benivile kwa sekuqaleni, nihambe kulo.
7
Ngokuba abakohlisi abaninzi bengene elizweni, abangavumiyo u‐Yesu Kristu ukuba ubesiza enyameni. Onjalo ungumkohlisi no‐Antikristu.
8
Zilumkeleni, ukuze singalahlekani nezozinto sizisebenzileyo, siti samkele umvuzo ozalisekileyo.
9
Osukuba epambuka, engahlali elufundisweni luka‐Kristu, akanaye utixo. Ohlalayo elufundisweni luka‐Kristu, yena lo u noyise kwa nonyana.
10
Ukuba umntu uyeza kuni, oti olufundiso angaluzisi, ningamamkeli endlwini ke, ningateti kuye ngokubulisa:
11
ngokuba oteta kuye ngokubulisa enobudlelana nemisebenzi yake ekohlakeleyo.
12
Ndinazo izinto ezininzi nje zokuniba̔lela, bendingafuni ukunga ndinga ba̔la ngepepa neyinke: koko nditemba ukuza kuni, nokuteta umlomo ngakuwo umlomo, ukuze uvuyo lwetu lube luzalisekile.
13
Abantwana bodade wako onyuliweyo bayakubulisa. Amene.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1