bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
3 John 1
3 John 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
1
UMDALA kuye u‐Gayusi otandiweyo, ondimtandayo mna enyanisweni.
2
Sitandwa! pezu kwezinto zonke ndiyanqwena ukuba uhanjiswe kakuhle upile nokupila, kwa njengokuba uhanjiswa kakuhle umpefumlo wako.
3
Ngokuba ndavuyayo kunene, bakuti abazalwana bafika banqi̔nela inyaniso yako, kwa njengokuba uhamba wena enyanisweni.
4
Andinalo uvuyo olukulu ngakumbi kuko oku, ukuba ndive usapo lwam ukuba luyahamba enyanisweni.
5
Sitandwa! uyakwenza ngokunyanisekileyo oko usukuba usenzela kona abazalwana nabasemzini;
6
abanqi̔neleyo utando lwako ebusweni beṙemente; oya kuti, wakuba ubahambisa ekuhambeni kwabo ngokufanele utixo, ube uyalungisa:
7
ngokuba bekungenxa yegama lake bapumayo, bengamkeli luto kubo abaheyideni.
8
Tina ngoko sifanelwe kukuba sibabuke abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisi babo ukusebenz ela inyaniso.
9
Ndaba̔la kuyo iṙemente; koko u‐Diyotrefesi otanda ukuba mkulu pakati kwabo angasamkeliyo.
10
Ngenxa yoku, xeshekweni ndizayo, ndo m kumbuza izenzo zake azenzayo, esiṙobozela ngamazwi olunya: oti kanjalo, engancanyiswa kuko oku, angabamkeli abazalwana yena ngokwake, nabo bafuna ukubamkela abalele, a ba ku̔pe kwa seṙementeni.
11
Sitandwa! ungalandeli oko kukohlakeleyo, uti ulandele oko kulungileyo. Owenza okulungileyo ungowakuye utixo; kodwa owenza okukohlakeleyo akambonanga utixo.
12
U‐Demetriyusi unqi̔nelwe kakuhle ngabo bonke, nayiyo inyaniso: kanjalo nati siyanqi̔na; niyazi ke ukuba ukunqi̔na kwetu kuyinene.
13
Ndibe ndinazo izinto ezininzi zokuba̔la, koko ndingavumiyo ukuba̔la kuwe ngeyinke nosiba:
14
kodwa ndiyatemba ukuba ndohla ndikubone, nokuba siya kuteta umlomo ngakuwo umlomo. Uxolo malube kuwe. Abahlobo balapa bayakubulisa. Bulisa abahlobo abanawe ngegama ngegama.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1