bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jude 1
Jude 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
1
UJUDE, isicaka sika‐Yesu Kristu, nomninawe ka‐Yakobi, kubo ababiziweyo, bengcwalisiwe kutixo uyise, belondoloziwe ngo‐Yesu Kristu:
2
Ububele, noxolo, notando lwanga lunganandiselwa.
3
Batandwa! ndisenza konke ukuku̔tala nje ukuba̔la kuni ngalo usindiso olulolwabo bonke, bendiba kufanelekile ukuba ndiba̔le kuni, ndiniyala ukuba ninyameke ukupikela ukolo olwanikelwa kwa kanye kubo abangcwele.
4
Ngokuba bengenile ngokunyebeleza abantu abatile, ababe kudala bebalulelwe okukugwetywa, abangabedeshiyo, ufefe lwotixo wetu beluguqule lube bubutshinitshini, nokupela kwenkosi utixo nenkosi yetu u‐Yesu Kristu bemkanyela.
5
Kodwa ndifuna ukunga ndinganikumbuza, nangona nise nikwazi oku, ukuba inkosi, seibasindisile nje abantu elizweni le‐Jipete, yati kamva yabubisa abangakoliweyo.
6
Nazo ingelosi, ezo zingagcinanga isimo sazo sokuqala, koko ziyishiyile eyazo intlalo, izigcinele umgwebo womhla omkulu ngemibambo engunapakade ngapantsi kwesitokotoko.
7
Njengokuba i‐Sodome ne‐Gomora, nezixeko zangakuzo, zizilahlele nje embulweni ngendawo efana nabo, ziputume inyama yimbi kanjalo, zibekelwa ukuba ngumlinganiso, zibuva ubuhlungu bomlilo ongunapakade.
8
Ngokunjalo noko ke bati ababapupi nabo, banco̔lise inyama, badele ubukosi, bagxeke abasebungcwaliseni.
9
Kanti u‐Mikaheli ingelosi enkulu, okuya epikisana no‐Satane ebepika ngawo umzimba ka‐Mosesi akalinga ukuzisa ngakuye isincetezo sokugxeka, koko watshoyo ukuti: Inkosi maikutetise.
10
Kodwa bona aba ezozinto abangazaziyo bayazigxeka; nezozinto abati, njengezilo ezingatelekeleliyo, baziqonde ngemvelo, ngazo ezi bayazonakalisa.
11
Hai nbunzima babo! ukuba behambile endleleni ka‐Kayine, bagalelekela elulahlekweni luka‐Bilame ngenxa yomvuzo, babuba ekupikeni kuka‐Kora.
12
Bona aba bazizidyobo ezidlweni zenu zotando, besitya nani emitendelekweni bengenakwoyika, bezondla bona: bangamafu angenamanzi, equ̔tywaqu̔tywa ngumoya; bayimiti epululekileyo, ingenaziqa̔mo, ifile kabini, idonyulwe ngengcambu;
13
bangamaza alwayo olwandle, eke̔puza awawo amahlazo; bazinkwenkwezi ezibangazekayo, ekugcinelwe zona isitokotoko sobumnyama kude kube ngunapakade.
14
Kanjalo u‐Enoki, owesixe̔nxe emva kwo‐Adame, wabaprofiteshela nabo aba, esiti: Bona ke, inkosi yeza inamawakawaka abangcwele bayo,
15
ukwenza ukugweba ngakubo bonke, nokuvisa ityala bonke abangabedeshiyo pakati kwabo ngazo zonke izenzo zabo ezingabedeshekileyo ababezenzile ngokungabedeshi, nangazo zonke izinto ezilukuni ababezitetile ngakuyo aboni abangabedeshiyo.
16
Bona aba bangabaṙoṙayo, bangabeyayo, behamba ngokwenkanuko zabo; abamlomo uteta amazwi okuzidla, bebeka abantu ngenxa yenzuzo.
17
Kodwa nina, batandwa! kumbulani wona amazwi abetetiwe pambili ngabo abapostile benkosi yetu u‐Yesu Kristu;
18
ukuba bebesiti kuni kuya kubako abahleki exesheni lokugqibela, behamba ngokwezabo inkanuko ezingabedeshekileyo.
19
Ngabo aba abazahlukanisayo, bengabobuntu bodwa, bengenaye umoya.
20
Kodwa nina, batandwa! nizaka nje pezu kwokolo lwenu olungcwelekazi, nitandaza kumoya oyingcwele,
21
zigcineleni elutandweni lukatixo, nibulinda ububele bayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu bude bube bubomi obungunapakade.
22
Abanye ke okunene yibani nobubele kubo, nisahlula;
23
abanye kodwa basindiseni ngokwoyika, nibahlasela emlilweni, niyitiya nengubo edyojiweyo yinyama.
24
Kekaloku kulowo unamandla okunilondoloza ningenakuku̔beka, nokunimisa nimsulwa pambi kwobungcwalisa bake eluvuyweni olukulu,
25
kokupela kwolumkilevo utixo umsindisi wetu, makubeko ubungcwalisa nobukulukazi, amandla negunya, nakaloku nakude kube ngunapakade. Amene.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1