bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Lamentations 4
Lamentations 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
HAI ukuba mncumevu kwegolide! ukuguqulwa kwegolide entle! ukucitwa kwamatye endawo eyingcwele encameni yezitarate zonke!
2
Onyana abanqabileyo base‐Ziyone, belinganiseka negolide ecokisiweyo, banjanina ukubalwa ngokuba yimipanda yodongwe, umsebenzi wezandla zombumbi!
3
Kwa impungutye ziyanikela ibele, ziyanyisa amatole azo: intombi yabantu bam ibunqola, njengazo inciniba entlango.
4
Ulwimi lwosana luti nama ekuhlangubo lalo ngenxanwa: intsatshana ziyacela isonka; akuko ozabelayo.
5
Abo ababesidla izimnandi bayabuba ezitarateni: abo ababesondliwa pezu kwezinto ezibomvu bayasingata imfumba zenkunkuma.
6
Ngokuba ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yentombi yabantu bam kukulu kokwesono se‐Sodome, eyabicitwa njengasepanyazweni, ingawelwa zizandla ke.
7
Abanaziri bayo bebegqitisile ingqweqwe ngokuba ngcwele, bebegqitisile ubisi ngokuba mhlope, bebebomvu pezu kwerubi umzimba wabo, isimilo sabo sasisesesafire.
8
Ukubonakala kwabo ngoku kubumnyama pezu kwoncwalazi, abaziwa ezitarateni; intlonze yabo iti nama ematanjeni abo; ishwabene, iba njengomti.
9
Banenyweba abo babuleweyo ngeṙele pezu kwababuleweyo ngendlala: ngokuba aba bebengcungcuteka, behlatyiwe, bengenayo imifuno yentsimi.
10
Izandla zabafazi abanezibele zipekile ababo abantwana; baba kukudla kwabo embujisweni yentombi yabantu bam.
11
Uyehova ufezile ubuṙalaṙume bake; utulule ubushushu bengqumbo yake, wapembela e‐Ziyone umlilo, owadla imisekelo yayo.
12
Ngebengakolwanga okumkani bomhlaba, nabo bonke abemi belizwe, ukuba bekuya kungena emasangweni e‐Yerusaleme impi notshaba.
13
Ngenxa yezono zabaprofite bayo, n ezikohlakalo zabaperisite bayo, abalipalazileyo pakati kwayo igazi labalungileyo,
14
babadula njeng emfama ezitarateni, badyojwa ngegazi, bada abantu bakohlwa ukucukumisa izivato zabo.
15
Bamemeza kubo, besiti: Sukani, nina banco̔lileyo! sukani, sukani, ningacukumisi! Ngenyaniso bayabaleka, bayabadula; kutwa pakati kwezizwe: Abasayi kuhlala kona.
16
Ubuso bukayehova bubahlulahlule; akasayi kubagqala; ubuso babaperisite ababubekanga; babengenalufefe kubo abadala.
17
Nxa sibe siseko, amehlo etu apelela uncedo olungendawo: ekulindeni kwetu salinda isizwe esasingenako ukusindisa.
18
Bazingela amanyatela etu, ukuba besingenakuhamba ezitarateni zetu: kwasondela ukupela kwetu, yabizalisekile imihla yetu; ngokwenene ukupela kwetu bekufikile.
19
Abasukeli betu badlula ngamendu inkozi zasezulwini; basiputuma kakulu ezintabeni, basilalela entlango.
20
Umoya wempumlo zetu, umtanjiswa kayehova, wabanjiswa ezihogweni zabo; esabesisiti ngaye: Ngapantsi kwomtunzi wake sohlala pakati kwabaheyideni.
21
Gcoba uvuye, ntombi yase‐Edome, wena umiyo ezweni le‐Hutse! indebe yodlulela nakuwe; wonxila ke, wozihluba kanjako.
22
Kugqityiwe ukwohlwayelwa kwenkohlakalo yako, ntombi yase‐Ziyone! akayi kupinda akufuduse: inkohlakalo yako, ntombi yase‐Edome! woyohlwayela; izono zako wozityila.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5