bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Nahum 2
Nahum 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
Umci̔ti unyukele pambi kwako: gcina inqaba, linda indlela, qinisa izinqe, yomeleza amandla kakulu.
2
Ngokuba uyehova ebubuyisile ubungcwalisa buka‐Yakobi, njengabo ubungcwalisa buka‐Sirayeli; ngokuba abavutululi bebavutulule, namasebe abo bewonakalisile.
3
Ikaka lamagoṙa ake lenziwe bomvu, amadoda obuṙoti ambete isibomvumnyama; inqwelo zinentsimbi ezibengezelayo, ngomhla wokulungisa kwake; iyavivinywa nemibilati.
4
Inqwelo ziti dlongodlongo ezitarateni, ziyasukasuka ezindaweni ezibanzi; ukubonakala kwazo zinjengezibane, ziyabaleka njengemibane.
5
Uyakumbula amanene ake; ayaku̔beka ekuhambeni kwawo; ayakauleza ukuya eludongeni lwayo, liti ikuselo lilungiswe.
6
Amasango emilambo ovulwa, nendlukazi iya kucumbuluka.
7
Waye u‐Hutsave eya kuhlutywa, uya kunyuswa, nezicakakazi zake zoncwina njengelizwi lamahobe, zibeta pezu kwezifuba zazo.
8
Nangona i‐Nineve injengecibi lamanzi, kwa kuselokw okuqala kw emihla yayo, baya kwesaba noko. Kutwa: Yimani! yimani! kodwa akuko mntu obeka ngomva.
9
Pangani isilivere, pangani igolide; akuko ukupela kwokubekelweyo, kwobuninzi bempahla zonke ezinqwenelekileyo.
10
Uci̔takalo, notshabalalo, nokwenzwa zé! intliziyo iyanyibilika, namadolo ayahexa; kuko intutumbo ezinqeni zonke, nobuso bonke buyazuza ubumnyama.
11
Ipina indlu yengonyama? lipina nedlelo lengonyama ezintsha? apo yahamba kona ingonyama, n engonyamakazi, n etole lengonyama, kungeko mntu obezoyikisa.
12
Ingonyama yaqwengela amatole ayo okwaneleyo, yaṙwishela ingonyamakazi zayo; yazalisa iminxuma yayo ngokuqwengiweyo, nendlu zayo ngokubanjiweyo.
13
Bona ke, ndingakuwe, utsho uyehova wemikosi; ndandiya kutshisa inqwelo zayo zide zibe ngumsi; nengonyama ezintsha zako isiṙele siya kuzidla: ndandiya kunqamla into yokuqwenga yako emhlabeni: nelizwi lezigidimi zako alisayi kuviwa kanjako.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3