bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Obadiah 1
Obadiah 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
1
ISIBONAKALO sika‐Hobadiya. Itsho inkosi e nguyehova ngayo i‐Edome ukuti: Sivile intshumayelo ivela kuyehova, kanjalo isitunywa situnyiwe pakati kwezizwe, ukuti: Sukani, sisukele ngakuyo ekulweni!
2
Bona ke, ndikwenzile into encinane pakati kwezizwe; uyadelwa kakulu.
3
Ir̔atshi lentliziyo yako likukohlisile, wena umiyo emifanteni yeliwa, okuhlala kupezulu; oti entliziyweni yake: Ngubanina oya kundihlisela emhlabeni?
4
Nakuba ubuya kuzipakamisa njengokozi, nakuba ubuya kuyibeka indlu yako pakati kwenkwenkwezi, ndokuhlisa kwa kona, utsho uyehova.
5
Ukuba ebeze kuwe amasela, ukuba ebeze amanyangaza ebusuku, (hai ukubujiswa kwako!) ebengayi kukuba̔ na oko kuwaneleyo? ukuba bebeze kuwe abavuni bedreyive, bebengayi kuzisalisa imbikico na?
6
Hai ukupengululwa kwezinto zika‐Esau! hai ukufunwa kwezifihliweyo zake!
7
Bonke abebetelelene nawe bakugxotele emdeni; abo abebexolene nawe bakukohlisile, bakweyisile: abadlayo isonka sako bakubekele umgibe: akuko ukuqonda kuye.
8
Ngomhla lowo, utsho uyehova, andiyi kububisa na amalumko e‐Edome, nokuqonda entabeni ka‐Esau?
9
Amagoṙa ako, Temani! aya kumatiswa, ukuze banqanyulwe bonke abasentabeni ka‐Esau ngokubulawa.
10
Ngenxa yobudlwengu obenzelwa umninawe wako u‐Yakobi, ihlazo lokugubungela, wauya kunqanyulwa kude kube ngunapakade.
11
Mhlana wamela ngaku ye, mhlana abohlanga lumbi batimbayo impi yake, baza abasemzini bangena ngamasango ake, benzela i‐Yerusaleme amaqashiso, ubunjengowakubo nawe.
12
Kodwa ngeungabonelanga emhleni womninawe wako, emhleni welishwa lake; waunge ungavuyelanga usapo luka‐Juda, emhleni wembujiswa yalo; kanjalo ngeungatetanga nger̔atshi, emhleni wobunzima.
13
Ngeungangenanga ngesango labantu bam, emhleni wengozi yabo; ngeungabonelanga kwa wena ububi babo, emhleni wengozi yabo; waunge ungolulanga isandla pezu kwobutyebi babo, emhleni wengozi yabo;
14
kanjalo unga ungemanga engxingweni, ukuba unqamle abasindileyo bake; waunge unganikelanga abaseleyo bake, emhleni wobunzima.
15
Ngokuba umhla kayehova ukufupi ngakuzo zonke izizwe; njengoko ukwenzileyo, kuya kwenziwa kuwe; impindezelo yako yobuyela pezu kweyako intloko.
16
Ngokuba, njengokuba nisele pezu kwentaba yam engcwele, kwa njalo ziya kusela futi izizwe zonke; ewe, ziya kusela, ziminye ke, zaziya kuba njengokungati zibe zingeko.
17
Kodwa entabeni ye‐Ziyone kuya kubako ukusinda, yaiya kuba bungcwele; yoti indlu ka‐Yakobi ifuye imfuyo zabo.
18
Kanjalo indlu ka‐Yakobi yoba ngumlilo, nendlu ka‐Josefe yoba lilangatye; yoti indlu ka‐Esau ibe zindiza, babeya kupemba pakati kwabo, babagqibe; aze angabiko oseleyo kwindlu ka‐Esau; ngokuba etshilo uyehova.
19
Abasesuyide bofuya intaba ka‐Esau, nabasezihlanjeni ama‐Filistiya; bofuya nelizwe lakwa‐Frayime, nelizwe le‐Samariya; no‐Benjamine wofuya i‐Gileyadi.
20
Abatinjwa balomkosi wosapo luka‐Sirayeli, aba pakati kw aba‐Kanane, bofuya kude kube se‐Tsarefate; nabatinjwa base‐Yerusaleme, abase‐Sefarade, bofuya izixeko zasesuyide.
21
Baye abasindisi beya kunyukela entabeni ye‐Ziyone, ukuza kugweba intaba ka‐Esau; boti ubukumkani bube bo bukayehova.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1