bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Philemon 1
Philemon 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
1
UPAULUSI, umbanjwa ka‐Kristu Yesu, no‐Timote umzalwana wetu, ku‐Filemone umtandwa wetu nomsebenzisi wetu,
2
naku‐Afiya umtandwakazi wetu, naku‐Arikipo olisodati kunye nati, nakuyo iṙemente esendlwini yako:
3
Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye utixo ubawo wetu, nenkosi u‐Yesu Kristu.
4
Ndiyabulela kutixo wam, ndikukankanya amaxesha onke emitandazweni yam,
5
ndisiva nje utando lwako nokolo, olo unalo ngakuyo inkosi u‐Yesu, nangakubo bonke abangcwele;
6
ukuba ubudlelana bokolo lwako bube busebenza ekwaziweni kwako konke okulungileyo okukuni, busebenz ela u‐Kristu Yesu.
7
Ngokuba sinalo uvuyo oluninzi nonwabiso elutandweni lwako, kuba umbilini wabangcwele upunyuziwe ngawe wena, mzalwana!
8
Ngako oko, nangona ndinalo ukalipo oluninzi ku‐Kristu lwokuba ndikuyalele oko kufanelekileyo,
9
noko ngenxa yotando nditi ngokukumbi ndi ku kunge; ndingonjalo nje njengo‐Paulusi elixego, ndingumbanjwa ka‐Yesu Kristu ngoku nakanjako.
10
Ndiyakukunga ngenxa yowam umntwana, endimzeleyo ekubanjweni kwam, u‐Onesimusi;
11
obefudula engancedi luto kuwe, kodwa kaloku enokunceda kunene kwa kuwe nakum;
12
endimbuyisileyo. Zuti ke wena umamkele, oko kukuti owam umbilini:
13
endibe ndifuna mna ukunga ndingambambezela apa kum, ukuze ati esikundleni sako andikonze emibanjweni yevangeli:
14
kodwa ngapandle kwokuvumela kwako ndabendingatandi ukwenza into, ukuze isenzo sako esilungileyo singabi njengokungati singokunyanzelwa, koko sibe ngokuvuma,
15
ngokuba kungati umhlaumbi ngenxa yoku wemka kube lixeshana, ukuba ubuye ube naye ngonapakade;
16
engasenjengekonza, koko epezulu kwikonza, engumzalwana otandiweyo, kakulu ke kum, kodwa kangakananina ngakumbi kuwe, nasenyameni na senkosini?
17
Ukuba ngoko uyandibala ukuba likolwane, mamkele njengam.
18
Ukuba kodwa ukwonile umhlaumbi unetyala kuwe ngento, yona le yibalele kum:
19
mna Paulusi ndibalile ngesam isandla, ndiya kuhlaula mna: ukuba ndingatsho kuwe ukuti unetyala lesiqu sako kum pezu kwayo.
20
Ewe, mzalwana wam! mandizuze uncedo kuwe enkosini: wupumze umbilini wam enkosini.
21
Nditembela ekuveni kwako nje ndiba̔lile kuwe, ndisazi ukuba uya kwenza napezulu kwoko ndikutshoyo.
22
Kanjalo kunye noko ndilungisele indawo yokuhlala: ngokuba ndinetemba lokuba ndiya kupiwa kuni ngayo imitandazo yenu.
23
Kuyakubulisa u‐Epafrasi, ongumbanjwa kunye nam ku‐Kristu Yesu;
24
u‐Maraki, u‐Aristariko, u‐Demasi, u‐Luke, abangabasebenzisi bam.
25
Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nomoya wenu. Amene.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1