bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 John 1
1 John 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
1
Ndibhala ndinibalisela ngoLizwi uSobomi, owayekho kwasekuqaleni. Sasithetha naye, simbona ngamehlo, simbukela, sigudlana naye ngamacala.
2
Uthe akuvela sambona. Yiyo ke le nto ndinibaliselayo ngaye, ndinixelela ngaye uSobomi owayehleli ekho kunye noYise kwasekuqaleni, node wabonakala nakuthi.
3
Nani ke sinixelela ngesimbonileyo, sathetha naye, khon' ukuze nani nibuxhamle nathi ubudlelane esinabo kunye noYise noNyana wakhe uYesu Krestu.
4
Le ncwadi ke ndinibhalela ukuze sonwabe ngokupheleleyo sonke.
5
Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.
6
Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.
7
Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.
8
Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela.
9
Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
10
Kanti xa sithi asizange sone, simenza ixoki uThixo, yaye nelizwi lakhe alikho kuthi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5