bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Thessalonians 3
1 Thessalonians 3
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
1
Ngoko ke ndithe ndakuqonda ukuba akunyamezeleki, ndabona ukuba mandisale ndedwa apha eAtene,
2
ndimthumele kuni uTimoti ongugxa wam kumsebenzi kaThixo wokushumayela iindaba ezimnandi ezingoKrestu. Ndimthumela ukuze anikhuthaze nime ngxishi elukholweni,
3
ningagungqiswa nto naxa nitshutshiswa. Njengoko nisazi, ezo ntshutshiso zisisabelo sethu kaloku.
4
Ndatsho kuni oko bendiphakathi kwenu ukuthi simelwe kukubuva ubunzima. Kwenzeke kanye loo nto ke ngoku, njengoko nisazi.
5
Ndakungabi nakunyamezela ke ndithumele uTimoti ukuba akhe eze kuqonda ngombandela wokholo lwenu, hleze kuthi kanti unihendile uSathana, ndize mna ndibe ndifane ndabulaleka ndisebenza.
6
Ngoku uTimoti usandul' ukufika evela apho kuni eTesalonika, esiza neendaba ezindonwabisayo, endixelela ngokholo nangothando eninalo. Uthi nisoloko nineengcinga ezintle ngam; yaye uthi nani ninqwenela ukundibona kwanjengokuba ndinqwenela ukunibona nam.
7
Kuzo zonke ke ngoko iinkxwaleko neenzingo zam, ukholo lwenu, mawethu, luyandikhuthaza.
8
Kaloku ikukuphila kum into yokuba nina nihlale nithe zinzi nimanywe neNkosi.
9
Ndingambulela ndithini uThixo ngenxa yenu? Ndingambulela ndithini ngenxa yolonwabo enindenzele lona?
10
Imini nobusuku ndihleli ndithandaza ngenyameko, ndicela ukuba ze ndibuye ndibonane nani, ndize ndilulungise ukholo lwenu apho lulambatha khona.
11
Wanga uThixo uYise ngenkqu, ekunye neNkosi uYesu, angayenza mhlophe indlela yam xa ndizayo apho kuni!
12
Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.
13
Ngamana iNkosi inganomeleza ngolu thando, ukuze xa nimi phambi koThixo uYise, nifunyanwe ninyulu, ningenabala ekufikeni kweNkosi uYesu, inabo bonke abo bamanywe nayo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5