bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Timothy 1
1 Timothy 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
1
Kubhala mna Pawulos *umthunywa kaYesu Krestu ngokugunyaziswa nguThixo uMsindisi wethu, noKrestu Yesu ithemba lethu.
2
Ndibhalela uTimoti, unyana wam wenene ngokwaselukholweni. Ndithi: Kuwe makulawule isisa, inceba, noxolo oluvela kuThixo uBawo, noKrestu Yesu iNkosi yethu.
3
Njengoko ndakuyalelayo ukuya kwam eMakedoni, nceda uhlale apho e-Efese. Kaloku kukho abantu abaneemfundiso zolahlekiso apho, ngoko ke banqande.
4
Yitsho bahlukane neentsomi, nemilibo yokuzalwa engaphele ndawo. Kaloku ezi zinto zikhuthaza iingxoxo ezingayi ndawo. Azikwazi ukulichaza icebo likaThixo elaziwa ngokholo.
5
Injongo yalo myalelo kukuvuselela uthando oluphuma kwintliziyo enyulu, nesazela esihlambulukileyo, kwanokholo olungazenzisiyo.
6
Abanye abantu bathe ngokuswela ezi mpawu balahleka. Beyela kwiingxoxo ezilambathayo.
7
Bazenza abafundisi bomthetho, kanti abawaqondi amazwi abawasebenzisayo, ngokukwanjalo nakuloo mibandela bathetha ngayo bangoozwi-lakhe.
8
Siyazi ke ukuba umthetho ulungile, ukuba usetyenziswa ngendlela efanelekileyo.
9
Masikhumbule ke kodwa ukuba umthetho awenzelwa bantu balungileyo. Umthetho wenzelwa izaphula-mthetho, nezikrelemnqa, abangcolileyo, nabonayo, abanganquliyo, nabakhohlakeleyo, abo babulala ooyise noonina, izigwinta,
10
nabarheletyayo, abalalana befana ngobuni, abaqweqwedisi, amaxoki, nabafunga bexoka, naye nabani na owenza into echasene nemfundiso yokwenene.
11
Loo mfundiso ke ifumaneka kwezi ndaba zimnandi ndazinikelwayo ukuba ndizivakalise – uncuthu lweendaba zikaThixo onobungangamsha omakadunyiswe.
12
Ndiyambulela uKrestu Yesu iNkosi yam, ngokundinika amandla okuwenza umsebenzi wam. Ndiyambulela kuba endibone ndifanelekile ukuba ndimiselwe ukumsebenzela.
13
Undalathile nangona ndandimngcikiva, ndimtshutshisa, ndimthuka. UThixo waba nenceba kum, kuba ndandingakholwa; ngoko ke ndandingayazi into endiyenzayo.
14
Ngesisa sayo iNkosi yandibabala, yandipha ukholo nothando, esizifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.
15
Nanga amazwi athembekileyo, afanele ukwamkelwa: UKrestu Yesu weza emhlabeni ukuze asindise aboni; ndingobalaseleyo ke mna.
16
Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.
17
Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! *Amen.
18
Lo myalelo ndiwunika wena, Timoti, nyana wam, ngokwamazwi awodwa âvela kuThixo ethethwa ngawe mandulo. Ngoko ke loo mazwi makabe sisixhobo sakho edabini,
19
uxhobe ngokholo nangesazela esihlambulukileyo. Ngokudela isazela, abanye abantu balutyumza okweselwa elinamasi ukholo lwabo.
20
Phakathi kwabo ndingabalula uHimeniyo noAlesandire, esendide ndabanikela kuSathana, ukuze baqeqeshwe bakuyeke ukunyelisa.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6