bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Timothy 3
2 Timothy 3
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
Kucace mhlophe ukuba imihla yokugqibela iya kuba ngamaxesha anzima.
2
Abantu baya kuba ngabathandi beziqu zabo, bathande imali, bezigwagwisa, bengoozwi-labo. Baya kunyelisa, bangathobeli bazali, bengabuleli, beluchasa unqulo,
3
bengenabuntu, bengaxoleli mntu, behleba. Baya kuba nengcwangu, beziindlobongela, bayithiye into elungileyo.
4
Baya kuba ngabangcatshi, bafane benze, benekratshi. Baya kuthanda iziyolo kunoThixo.
5
Baya kulwamkela unqulo ngembonakalo, kodwa bewaphika amandla alo. Ke wena uze ungahambi nabantu abanjalo.
6
Abanye babo bahamba bechwechwela imizi, bexhaphaza abafazi abangenazimilo, ababotshwe zizono zabo, beluthuzeliswa ziinkanuko.
7
Aba ke bahlala befunda, kodwa abaze bafikelele ekuyazini inyaniso.
8
Abantu abanje bayayichasa inyaniso kwanjengokuba uJanes noJambres bamchasayo uMosis. Aba bantu abakwazi ukuqiqa, futhi ukholo lwabo luphuthile.
9
Abasoze bahambele ndawo, kuba ububhanxa babo buya kubonakala nakubani na kwanjengokuba kwaba njalo nakubachasi bakaMosis.
10
Kodwa ke wena, nyana wam, uze uhambe rhoqo ekhondweni lam, ngeemfundiso, ngokuziphatha, ngeenjongo, ngokholo, ngomonde, nangothando, nangokunyamezela
11
ngexesha leentshutshiso, nasebunzimeni. Izinto ezandihlelayo eAntiyokwe, eIkoniyo, naseListra, uyazi ukuba ndazithwala, iNkosi indihlangula kuzo zonke.
12
Kambe intshutshiso yomfikela nawuphi na umKrestu ofuna ukuhlala esoyika iNkosi.
13
Kodwa zona izikhohlakali nezikrelemnqa ziya kuqhuba zisuka ebubini ziye kobungaphezulu ububi, zihamba zikhohlisa, zikhohliswa nazo.
14
Ke wena yayamana rhoqo neenyaniso ozifundileyo waqinisekiswa ngazo. Khumbula ukuba uzifunde kubani na.
15
Khumbula ukuba kwausengumntwana waqhelaniswa *neziBhalo eziNgcwele ezikunika ubulumko, khon' ukuze usindiswe ngokukholwa kuKrestu Yesu.
16
Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho;
17
ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4