bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Haggai 1
Haggai 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 2 →
1
Ngomhla wokuqala kwinyanga yesithandathu kunyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo, ilizwi *likaNdikhoyo lafika *kumshumayeli uHagayi. Lalibhekiswa kwirhuluneli yamaJuda uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, kunye nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, lisithi:
2
“UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Aba bantu bathi: “Eli alikabi loxesha lokuyakha indlu kaNdikhoyo.” ’ ”
3
Ke ilizwi likaNdikhoyo lafika kumshumayeli uHagayi lisithi:
4
“Ngani ukuba nina nihlale ezindlwini ezifanelekileyo, kodwa yona indlu yam ibe ilinxuwa?
5
Ke ngoko utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.
6
Nihlwayela kakhulu, kodwa nivune kancinane; ewe, niyadla, kodwa ningahluthi; niyasela, kodwa ninganeli; niyambatha, kodwa ningafudumali; niyaphangela, kodwa umvuzo wenu ube ngathi ufakwe engxoweni evuzayo.’
7
“Utsho ke uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Zigqaleni iindlela zenu.
8
Khaninyuke ezintabeni, nize nemithi, niyakhe indlu yam. Ndokholiswa yiyo, ndize ndizimaseke,’ utsho uNdikhoyo.
9
‘Benilindele lukhulu, kodwa suka nazuz' intwan' encinci! Nithe nakuza nayo ekhaya, ndayivuthela yee shwaka! Ngani ke?’ utsho uNdikhoyo onamandla onke. ‘Kungenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo exakeke yeyakhe indlu.
10
Kungenxa yenu ke ngoko ukuba izulu liwubambe umbethe walo, nomhlaba utsho ungavelisi nto.
11
Ke ndinizisele imbalela emasimini, emadlelweni, kwingqolowa, kwiwayini, namafutha omnquma, nayo nayiphi na into eveliswa ngumhlaba. Ikho ezinkomeni, nasebantwini, nakuwo wonke umsebenzi wezandla zenu.’ ”
12
Ke kaloku uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nabo bonke abantu abangamasalela, bawuthobela bawenza umyalelo *kaNdikhoyo uThixo wabo, ngokwamazwi *omshumayeli uHagayi.
13
Ke uHagayi, isigidimi sikaNdikhoyo, waluthetha udaba lukaNdikhoyo ebantwini, wathi: “Ndiya kuba nani.”
14
Ke uNdikhoyo wawuvuselela umoya werhuluneli uZerubhabheli unyana kaShelatiyeli, nowombingeleli omkhulu uYeshuwa unyana kaYozadaki, nowabo bonke abantu abangamasalela, beza ke bawuqalisa umsebenzi wokwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo onamandla onke uThixo wabo
15
ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yesithandathu ngonyaka wesibini wolawulo lukakumkani uDariyo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 2 →
All chapters:
1
2