bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Malachi 4
Malachi 4
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
*UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Inene iyeza imini evutha okweziko apho bonke abakhukhumeleyo nabenzi bobubi baya kutsha njengomququ. Ewe, ngaloo mini baya kutsha baphele tu, kungasali sebe nangcambu.
2
Ke kuni, nina balihlonelayo igama lam, ilanga lobulungisa liya kuphuma linempilo emaphikweni alo. Niya kukhululeka nidlobe njengamankonyana ephuma esibayeni.
3
Ngemini endikwenzayo oku abakhohlakeleyo niya kubanyhasha; kaloku baya kuba luthuthu phantsi kweentende zeenyawo zenu.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
4
“Ze niwukhumbule umyalelo wesicaka sam uMosis, nditsho loo mimiselo naloo miqathango ndayinikela uSirayeli ngoMosis eHorebhe.
5
“Niyabona, phambi kwaloo mini kaNdikhoyo inkulu yoyikekayo ndiya kunithumela *umshumayeli uEliya.
6
“Ke yena uya kuziguqulela koonyana iintliziyo zooyise, aze aziguqulele kooyise iintliziyo zoonyana, okanye bendiya kuza ndilitshabalalise ngokupheleleyo ilizwe.”
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4