bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Mark 16
Mark 16
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
Ekupheleni *koMhla wokuPhumla ooMariya waseMagadala noMariya unina kaYakobi, noSalomi, bathenga iziqholo, ukuze baye kuwuqhola umzimba kaYesu.
2
Bona ke bathi, ukuthi chapha kwelanga, kusekusasa kakhulu ngeCawe, baya engcwabeni.
3
Babethetha bodwa, besithi: “Ngubani na oya kusiqengqela ilitye lisuke engcwabeni?”
4
Elo litye lalilikhulu kakhulu, baza bathi bakukhangela babona ukuba liqengqiwe lesuka engcwabeni.
5
Bangena ke engcwabeni, babona indodana ehleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende emhlophe, baza bamangaliswa.
6
Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.
7
Hambani niye kubaxelela abafundi bakhe noPetros ukuba uyanandulela ukuya kwelaseGalili. Nombona khona apho njengoko wayetshilo kuni.”
8
Baphuma ke engcwabeni bebaleka, bengcangcazela besoyika. Abathetha nto ke nakubani, kuba babesoyika. [
9
Ekuseni ngeCawe, akuba uYesu evukile ekufeni, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala. Ke yena ngulo uYesu wayekhuphe iindimoni ezisixhenxe kuye.
10
UMariya ke waya kubaxelela abalandeli bakaYesu, ababekhedamile belila.
11
Bona ke, bakuva ukuba uYesu uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguMariya, basuka àbakholwa.] [
12
Emva koko wabonakaliswa ngolunye uhlobo kubafundi ababini ababehamba besiya emaphandleni.
13
Kwanabo ke baya kubaxelela abanye abafundi, kodwa àbakholwa nangabo.] [
14
Emva koko uYesu wazibonakalisa kubafundi abalishumi elinanye besetafileni. Wabakhalimela ngenxa yokungakholwa kwabo nangenxa yokuba lukhuni kweentliziyo zabo, kuba bengakholwa kubo abo babembonile evukile.
15
Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.
16
Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.
17
Nantsi imiqondiso eya kulandelana nâbo bakholwayo: baya kuthi egameni lam bakhuphe iindimoni; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;
18
baya kuziphatha ngesandla iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayiyi kukha ibenzakalise; baya kuyibeka izandla imilwelwe, iphile.”] [
19
Emva kokuthetha nabo, iNkosi uYesu yanyuselwa ezulwini, yaya kuhlala ewongeni kwaThixo.
20
Ke bona abafundi bâya kushumayela kuzo zonke iindawo, iNkosi isebenza kunye nabo, iwangqina amazwi abo ngemiqondiso.]
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16