bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Nehemiah 7
Nehemiah 7
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
1
Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi.
2
Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.
3
Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”
4
Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.
5
Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:
6
Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,
7
ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana. Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:
8
inzala kaParoshe 2 172
9
inzala kaShefatiya 372
10
inzala ka-Ara 652
11
inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818
12
inzala kaElam 1 254
13
inzala kaZatu 845
14
inzala kaZakayi 760
15
inzala kaBhinuwi 648
16
inzala kaBhebhayi 628
17
inzala ka-Azegadi 2 322
18
inzala ka-Adonikam 667
19
inzala kaBhigwayi 2 067
20
inzala ka-Adin 655
21
inzala ka-Atere ngomlibo kaHezekiya 98
22
inzala kaHashum 328
23
inzala kaBhezayi 324
24
inzala kaHarifi 112
25
inzala kaGibheyon 95
26
amadoda aseBhetelehem naseNetofa 188
27
amadoda aseAnatoti 128
28
amadoda aseBhete-azemavete 42
29
amadoda aseKiriyati-yarim naseKefira naseBheroti 743
30
amadoda aseRama naseGabha 621
31
amadoda aseMikmas 122
32
amadoda aseBhetele naseAyi 123
33
amadoda enye iNebho 52
34
amadoda enye iElam 1 254
35
amadoda aseHarim 320
36
amadoda aseJeriko 345
37
amadoda aseLodi naseHadide naseOno 721
38
amadoda aseSena 3 930
39
Nalu uludwe lwababingeleli ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYedaya wendlu kaYeshuwa 973
40
inzala kaImere 1 052
41
inzala kaPashure 1 247
42
inzala kaHarim 1 017
43
Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva 74
44
iimvumi zenzala ka-Asafu 148
45
abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi 38
46
Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni: inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,
47
inzala kaKerosi noSiya noPadon,
48
inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,
49
inzala kaHanan noGidele noGahare,
50
inzala kaRaya noRezin noNekoda,
51
inzala kaGazam noUza noPaseya,
52
inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,
53
inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,
54
inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,
55
inzala kaBhakose noSisera noTema,
56
inzala kaNeziya noHatifa
57
Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni: inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
58
inzala kaJala noDakon noGidele,
59
inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60
Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392
61
Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62
inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642
63
Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)
64
Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.
65
Ke ngoko umlawuli wamaJuda wathi kubo mabangatyi kwinyama eyodwa eyinxaxheba yababingeleli eminikelweni de kuvele umbingeleli owayenokuqonda intando kaThixo ngalo mba ngokusebenzisa *iiurim neethumim.
66
Ekubuyeni ekuthinjweni amanani ayemi ngolu hlobo: amaSirayeli ewonke 42 360
67
izicaka nezicakazana 7 337 iimvumi neemvumikazi 245
68
amahashe 736 iimeyile 245
69
iinkamela 435 iidonki 6 720
70
Inxenye yeentloko zezindlu yanikela ixhasa umsebenzi wokuhlaziywa kwendlu kaThixo. Le minikelo yayimi ngolu hlobo: Umlawuli: iikhilogram zegolide 8 izitya zokutshiza 50 izambatho zababingeleli 530
71
Iintloko zezindlu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 1 250
72
Abanye abantu: iikhilogram zegolide 168 iikhilogram zesiliva 140 izambatho zababingeleli 67
73
Ke amaSirayeli ewonke – ababingeleli, abaLevi, abagcini-masango, iimvumi, abanye abantu, nezicaka zendlu kaThixo – bahlala ezidolophini zakowabo. Ke kaloku yathi yakufika inyanga yesixhenxe, amaSirayeli selezinzile ezidolophini zawo,
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13