bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Titus 3
Titus 3
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
Bakhumbuze abantu ukuba yimfanelo yabo ukuthobela abasemagunyeni nabalawulayo, kwakunye nokwenza okulungileyo ngalo lonke ixesha.
2
Baxelele ukuba mabangahambi bethetha ulwimi ngabantu, behamba besilwa, koko mababe nobulali nembeko kuye wonke ubani.
3
Kaloku khumbula ukuba nathi bekhe sazizidenge, sineenkani, silahlekile. Sasibotshwe yiminqweno neziyolo zeendidi zonke. Sasihlala intlalo yasebubini, silawulwa ngumona. Sasicatshukelwa, nathi sibacaphukela abantu.
4
Kodwa kuthe lakuthi tha ehlabathini uthando nobubele bukaThixo, uMsindisi wethu
5
wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
6
Kaloku uThixo usigalele uMoya wakhe ngobubele ngaye uYesu Krestu uMsindisi wethu.
7
Ngesisa sakhe senziwe amalungisa, ukuze sixhamle obo bomi bungapheliyo sibulindeleyo.
8
Athembekile loo mazwi. Iingongoma endifuna uzibethelele ke, zezi: Abo bantu bathe bafikelela ekukholweni kuThixo, kufuneka benze imisebenzi emihle – ndithetha imisebenzi eluncedo nakwabanye abantu.
9
Kodwa zona iingxoxo zobuhiba uze uziphephe, neenkcukacha zeminombo, iimbambano, neengxabano ngomthetho kaMosis; zizinto ezingenamsebenzi ezo.
10
Umntu odala uqhekeko mlumkise kude kube kabini, ungadlelani naye emva koko.
11
Umntu onjalo unengqondo engcolileyo, selezigwebe kwangezenzo zakhe.
12
Bakufika apho ooArtemas noTikiko, uze wena ukhawuleze undihlangabeze eNikopoli. Ndifuna ukuchitha ubusika khona.
13
Yenza unako-nako ukulungiselela igqwetha uZenas kunye noApolo kwihambo yabo. Mabangabi nanto bayiswelayo.
14
Abantu bethu bona mabafunde ukuzisebenzela iintswelo zabo, bangavilaphi nje bengenamveliso.
15
Bayabulisa bonke abalapha kunye nam. Ndibulisele kubahlobo bethu abakholwayo. INkosi mayinenzele isisa.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3