bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Zechariah 5
Zechariah 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 6 →
1
Ndithe ndakukhangela ndabona nanko umqulu uphaphazela.
2
Isithunywa sandibuza sathi: “Ubona ntoni?” Ke mna ndithe: “Ndibona umqulu ophaphazelayo. Umalunga neemitha ezilithoba ubude, neemitha ezine ezinesiqingatha ububanzi.”
3
Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho.
4
UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”
5
Siphinde sathi gqi isithunywa ebesithetha nam, sathi kum: “Khangela, kukho nenye into evelayo.”
6
Ndaza ndathi: “Yintoni na?” Siphendule sathi: “Yibhaskiti leya ivelayo.” Saza sathi: “Iqulethe isono sabantu ehlabathini lonke.”
7
Eso sivalo sayo selothe saphakama, kwathi kanti apho ngaphakathi kuhleli umfazi.
8
Isithunywa sathi: “Lo mfazi umele inkohlakalo.” Saza ke samtyhiliza sambuyisela ebhaskitini, savala.
9
Ndakukhangela ke ndabona apho phambi kwam abafazi ababini bephaphazela ngamaphiko abo emoyeni; ewe, babetsho ngamaphiko ngathi yingwamza. Bayichola loo bhaskiti, baphaphazela nayo esibhakabhakeni.
10
Ndabuza ke apho kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ngaba bayisa phi ibhaskiti leyo?”
11
Saphendula sathi: “Bayisa ezweni laseShinare apho iza kwakhelwa indlu khona. Xa seyigqityiwe ukwakhiwa loo ndlu, le bhaskiti iya kubekwa apho kwisiza sayo.”
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14