bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Zephaniah 2
Zephaniah 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
Qokelelanani nihlanganisane, sizwendini esingenantloni,
2
lingekafiki ixesha elimisiweyo, imini eyonitshayela njengomququ, ingekanifikeli ingqumbo eshushu kaNdikhoyo, ningekafunyanwa ngumhla wengqumbo yakhe.
3
Mfuneni uNdikhoyo, bemi abathobekileyo behlabathi, nina benza umyalelo wakhe. Zingelan' ubulungisa nentobeko, mhlawumbi nokhuseleka ngemini yomsindo kaNdikhoyo.
4
IGaza yolil' ibhungane, iAshkelon isale ingamabhodlo. Kanye emin' emaqanda iAshdode iya kuqongqothwa, ke yona iEkron incothulwe.
5
Yeha ke, nina bemi ngaselwandle! Yeha ke, nina maKreti! Ilizwi *likaNdikhoyo lichasene nani: “Wena Kanana, mhlaba wamaFilistiya, ndokutshabalalisa, kungabikho namnye umi kuwe.”
6
Loo mhlaba ungaselwandle, apho kumi amaKreti, woba zizikhundla zabelusi nezibaya zeegusha.
7
Umhlaba lowo woba ngowamasalela endlu kaJuda; khona bozuza amadlelo. Ngokuhlwa bolala kwizindlu zaseAshkelon; kaloku uNdikhoyo uThixo wabo wobanonophela, abenze badle ngendeb' endala.
8
“Ndizivile izithuko zikaMowabhi, ngokunjalo nezingcikivo zoonyana baka-Amon. Ewe, babathukile abantu bam, bangenelela emideni yabo.
9
Ngoko ke, ndikhonje, ndiyafunga,” nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli: “Inene, iMowabhi yofana nqwa neSodom, ama-Amon abe njengeGomora, indawo yokhula nemihadi yetyuwa. Yoba yinkangala ngonaphakade. Amasalela abantu bam aya kubaxhaphaza; ewe, amasalela esizwe sam owudla ilifa umhlaba wabo.”
10
Yonke loo nto ingenxa yekratshi labo, ngenxa yokuthuka nokuphoxisa ngabantu bakaNdikhoyo onamandla onke.
11
UNdikhoyo woba ngorhwaqelisayo kubo, kuba wozitshabalalisa *izithixo zelizwe. Izizwe macala onke ziya kumnqula; bebonke ke kwimihlaba yabo.
12
“Nani ngokwenu, maKushe, niya kubulawa ngekrele lam.”
13
Uya kusolula isandla sakhe kwelangasentla, ayitshabalalise iAsiriya, ayenze ibe linxuwa iNiniva, isale iyinkangala enjengentlango.
14
Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi; ewe, yoba likhaya lazo zonke iindidi zezilwanyana. Soba lapho isikhova nesihulu-hulu, side silale kuloo miwewe, zikhwazane kwezo festile, ibe emnyango iyinkunkuma yodwa, imiqadi yomsedare isele izé.
15
Koba njalo okwesixeko esonwabileyo, esisoloko sihleli sikhuselekile. Kaloku sona sasisithi: “Ndim ndodwa; akukho wumbi.” Ndlela le singamabobosi ngayo! Ngoku seyilikhaya lamarhamncwa. Ke abadlulayo bobetha umlozi, babambe ongezantsi.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3