bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Peter 3
2 Peter 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
Ngoku ndinibhalela, zintanda, le ncwadi iyeyesibini; endithi kuzo zombini ndiyivuselele ingqondo yenu engcwengekileyo ngokunikhumbuza;
2
ukuze niwakhumbule amazwi abethethiwe ngenxa engaphambili ngabaprofeti abangcwele, nawo umthetho wabapostile bethu beNkosi uMsindisi;
3
nikwazi oku kuqala, ukuba kuya kufika ngemihla yokugqibela abagxeki, behamba ngokwezabo iinkanuko;
4
besithi, Liphi na idinga lokufika kwakhe? Kuba kuseloko oobawo balalayo ukufa, zonke izinto zahlala zihleli zinjengokwasekuqalekeni kwendalo.
5
Kuba oku kufihlakele kubo ngokuthanda kwabo, ukuba izulu laye likho kwakudala, nomhlaba uvele emanzini, umi emanzini, ngalo ilizwi likaThixo;
6
elathi ihlabathi langoko lantywiliselwa ngamanzi, latshabalala.
7
Ke lona izulu langoku, nawo umhlaba lo, kwangelo lizwi ezo zinto ziqwetyelwe, zigcinelwe, umlilo, kuse kwimini yomgwebo nentshabalalo yabantu abangahloneli Thixo.
8
Le nto ke inye mayingafihlakali kuni, zintanda, ukuba phambi kweNkosi imini enye injengeminyaka eliwaka, neminyaka eliwaka injengemini enye.
9
iNkosi ayilibali dinga, njengoko abathile baba iyalibala; uzeka kade umsindo wethu ngenxa yethu, engathandi ukuba kutshabalale nabani na kodwa ukuze bonke bafikelele enguqukweni.
10
Imini yeNkosi iya kufika njengesela ebusuku; eliya kuthi ngalo izulu lidlule ingxokozelo, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike, nomhlaba nayo imisebenzi ekuwo iya kutsha itshiswe.
11
Ekubeni ngoko zonke ezi zinto ziya kuchithakala, nimele ukuba ngabanjani na ngeehambo ezingcwele nokuhlonela uThixo;
12
Niyilindele, nikungxamile, ukufika kwayo imini kaThixo, eliya kuthi ngayo izulu litshe lichithakale, zithi neziqalelo zitshe zinyibilike.
13
Thina ke ngokwedinga lakhe silindele amazulu amatsha nomhlaba omtsha, apho kumi ubulungisa.
14
Kungoko, zintanda, nilindele ezo zinto nje, khuthalelani ukuba nifunyanwe kuye niseluxolweni, ningenabala, ningenasiphako.
15
Ukuzeka kade umsindo kweNkosi yethu kubaleleni ekuthini lusindiso; njengokuba wanibhalelayo nomzalwana wethu oyintanda, uPawulos, ngokobulumko awabunikwayo;
16
njengokuba, nasezincwadini zakhe zonke, ethetha kuzo ngezo ndawo; ekukhoyo kuzo zithile ziqiqeka nzima, abathi abangafundileyo, nabangazimasekileyo, bazigqwethele kokwabo ukutshabalala, njengokuba bezenjenjalo nezinye izibhalo.
17
Nani ngoko, zintanda, nizazi nje ngenxa engaphambili ezo zinto, zigcineni okwenu, ukuze ningathi, nikhukuliswe lulahlekiso lwabangenammiselo, niphalale kokukokwenu ukuqina.
18
Kodwa khulani elubabalweni nasekuyazini iNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. Kuye malubekho uzuko nangoku, kuse nakwimini engunaphakade. Amen.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3