bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
2 Timothy 2
2 Timothy 2
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
Wena ngoko, mntwana wam, yomelela elubabalweni olukuKristu Yesu;
2
uthi nezinto owazivayo kum ngamangqina amaninzi, ezo uzibeke phambi kwabantu abathembekileyo, bona baya kukulingana ukufundisa nabanye.
3
Wena ngoko bunyamezele ububi, njengomphumi-mkhosi olungileyo kaKristu Yesu.
4
Akukho namnye uthi emfazweni azibhijele ngemicimbi yobu bomi; ukuze amkholise lowo umnyulele ukulwa.
5
Nakuba ke ubani esithi azame emdlalweni, akathweswa sithsaba, ukuba akathanga azame ngokomthetho.
6
Umlimi lowo ubulalekayo, umelwe kukwamkela kuqala kwiziqhamo.
7
Ziqiqe izinto endizithethayo; iNkosi yokunika ukuqonda ezintweni zonke.
8
Khumbula ukuba uYesu Krestu wavuka kwabafileyo, engowembewu kaDavide, ngokweendaba zam ezilungileyo.
9
Endiva ububi ngenxa yazo, kude kuse ezintanjeni njengomenzi wobubi; ke lona ilizwi likaThixo alibotshiwe.
10
Ngenxa yoko izinto zonke ndiyazinyamezela ngenxa yabanyuliweyo, ukuze nabo bazuze usindiso olukuKristu Yesu, ndawonye nozuko olungunaphakade.
11
Lithembekile ilizwi eli lithi, Kuba xa safa naye, sodla ubomi kwandawonye naye;
12
ukuba siyanyamezela, solawula kwandawonye naye; ukuba siyamkhanyela, naye wosikhanyela;
13
Ukuba asikholwa, yena uhleli ethembekile; akanako ukuzikhanyeza.
14
Bakhumbuze ezo zinto, uqononondise emehlweni eNkosi, ukuba kungenziwa mfazwe yamazwi okungancedi lutho, kuze kubhukuqeke abaphulaphuli.
15
Kukhuthalele ukuzimisa phambi koThixo ucikidekile, ungumsebénzi ongenazintloni, ulungisa ukulahlula ilizwi lenyaniso.
16
Ke zona iintetho ezingento, ezihlambelayo, zinxweme; kuba ziya kuhambela phambili kokukhona kungahloneli Thixo.
17
Nelizwi labo liya kudla njengesilonda esiqhenqethayo; abanoHimenayo noFileto;
18
abathe bona bayiphosa inyaniso, besithi uvuko seluthe lwakho; silubhukuqa ukholo lwenxenye.
19
Noko ke limi, lithe nkqi, ilitye lesiseko likaThixo, linambhalo othi, iNkosi iyabazi abangabayo. Kwanokuthi, Mabahlukane nobugwenxa, bonke abalibizayo igama likaKristu.
20
Ke endlwini enkulu akubikho zitya zagolide nazasilivere zodwa; kubakho nezomthi nezomdongwe. Inxenye ke zezembeko, inxenye azizambeko.
21
Ukuba ke umntu uthe wazikhuphulula kwezo zinto, woba sisitya sembeko, singcwalisiwe, simlungele kakuhle umninindlu, silungiselwe wonke umsebenzi olungileyo.
22
Ke zibaleke iinkanuko zobutsha, phuthuma ubulungisa, ukholo, uthando, uxolo nabo bayinqulayo iNkosi ngokwasentliziyweni ehlambulukileyo.
23
Yinxweme imibuzwana yobudenge engenangqeqesho, usazi ukuba izala imfazwe.
24
Ke umkhonzi weNkosi akamele kusukuzana; kodwa abe nokuthantamisa kubo bonke, enokufundisa, enomonde;
25
Uyabaqeqesha ngobulali abo baphikayo; ukuba mhlawumbi uThixo angabanika inguquko esa ekuyazini inyaniso;
26
babuye baqabuke, baphume emgibeni kaMtyholi, ababanjiswe nguye ekuthandeni kwakhe.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4