bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
3 John 1
3 John 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
1
Indoda enkulu ibhalela uGayo oyintanda, endimthandayo mna ngenyaniso.
2
Ntanda, ndinga ungathi ngezinto zonke usikeleleke uphile, njengokuba usikelelekile umphefumlo wakho.
3
Kaloku ndavuya kunene, bakufika abazalwana, bangqina ngenyaniso ekuwe, njengokuba wena uhamba enyanisweni.
4
Andinaluvuyo lungaphezu kolu, lokuba ndive ukuba abantwana bam bahamba enyanisweni.
5
Ntanda, wenza okuthembekileyo, oko sukuba ukwenzela abazalwana nabasemzini;
6
abalungqineleyo uthando lwakho phambi kwebandla; owathi, ukuba uthe wabaqhubela ngendlela yobuthixo, ube uyatyapha;
7
Kuba baphuma ngenxa yegama lakhe, bengathabathanga nto kuzo iintlanga.
8
Thina ngoko sifanele ukubamkela abanjalo, ukuze sibe ngabasebenzisana nabo kuyo inyaniso.
9
Ndalibhalela ibandla, kodwa uDiyotrefe, othanda ukuba mkhulu phakathi kwabo, akasamkeli.
10
Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika, ndoyikhumbula imisebenzi yakhe ayenzayo, ephololoza ngathi ngamazwi angendawo; enganeli koko, akabamkeli abazalwana ngokwakhe, abathintele abo bathanda ukubalela, abakhuphe ebandleni.
11
Ntanda, musa ukulandela okubi, landela okulungileyo. Lowo wenza okulungileyo ungokaThixo; ke lowo wenza okubi akambonanga uThixo.
12
uDemetriyo ungqinelwe ngabo bonke, nayiyo inyaniso; nathi ke siyangqina; niyazi ke ukuba ubungqina bethu buyinene.
13
Ndandinezinto ezininzi endingazibhalayo, kodwa andithandanga kuzibhala ngainki nangalusiba;
14
Kodwa ndiyathemba ukuba ndokubona kwakufuphi nje, sithethe ngomlomo. Uxolo malube kuwe. Izihlobo zethu ziyakubulisa. Bulisa abahlobo ngamagama.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1