bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Colossians 4
Colossians 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
Nina baziinkosi, baphatheni ngokufanelekileyo nangokulungeleleneyo abanikhonzayo; nisazi nje ukuba nani ngokwenu nineNkosi emazulwini.
2
Hlalani nithandaza, nizilinde kuko oko ninombulelo;
3
nisithandazela kananjalo, ukuba uThixo asivulele umnyango wentetho, ukuba siyithethe imfihlelo kaKristu, endikhonkxwe ngenxa yayo;
4
ukuze ndiyibonakalalise, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
5
Hambani ngobulumko ngakwabo bangaphandle, nilonga ixesha eli.
6
Ukuthetha kwenu makuhlale kumnandi, kuvakalisiwe ngetyuwa, ukuze nazi ukuba nimelwe kukuthini na ukuphendula bonke ngabanye.
7
Izinto zonke ezilunge nam uya kunazisa uTikiko, umzalwana oyintanda, umlungiseleli othembekileyo, ongumkhonzi kunye nam eNkosini;
8
endimthumele khona oku kuni, ukuze azazi iindawo ezingani, azithuthuzele iintliziyo zenu;
9
kunye no-Onesimo, umzalwana othembekileyo, oyintanda, ophuma kuni. Baya kunazisa zonke izinto ezenzekayo apha.
10
Uyanibulisa uAristarko, ongumbanjwa ndawonye nam, noMarko umtshana kaBharnabhas, enamkela imithetho ngaye; ukuba uthe weza kuni, mamkeleni;
11
noYesu, ekuthiwa nguYusto, kwabolwaluko; ngabo bodwa abasebenzisana nam ngenxa yobukumkani bukaThixo, abathe bona baba sisonwabiso kum.
12
Uyanibulisa uEpafra ongomnye wenu, umkhonzi kaKristu, ehlala ezama ngenxa yenu emithandazweni, ukuze nime nigqibelele, nizalisekile kuko konke ukuthanda kukaThixo.
13
Kuba ndiyamngqinela ukuba unenzondelelo enkulu ngenxa yenu, nabo baseLawodike, nabo baseHirapoli.
14
Uyanibulisa uLuka, igqirha eliyintanda, noDemas.
15
Imibuliso kubazalwana abaseLawodike, nakuNimfa, nakulo ibandla elisendlwini yakhe.
16
Xa ke le ncwadi ithe yaleswa kuni, ize nenze ukuba ileswe nasebandleni eliseLawodike; nani niyilese leyo iphuma eLawodike.
17
Yithini kuArkipo, Lukhangele ulungiselelo owalwamkelayo lwaseNkosini, ukuze uluzalise.
18
Umbuliso lo ungesam isandla, mna Pawulos. Khumbulani iintambo zam. Ubabalo malube nani. Amen. (Yabhalwa eRoma ukuya kwabaseKolose nguTikiko no-Onesimo.)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4