bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Galatians 6
Galatians 6
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
1
Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkele, ukuze ungahendwa nawe.
2
Thwalisanani ubunzima, xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.
3
Kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa.
4
Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye;
5
Kaloku wonke umntu uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
6
Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo.
7
Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa; kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona;
8
ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
9
Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
10
Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
11
Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla.
12
Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu.
13
Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho; bafuna nje ukuba nalùswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama.
14
Kodwa mna mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni.
15
Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha.
16
Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo.
17
Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam.
18
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nomoya wenu, mawethu. Amen. (KwabaseGalati ibhalwe eRoma.)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
All chapters:
1
2
3
4
5
6