bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Hosea 1
Hosea 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 2 →
1
Ilizwi likaYehova elafika kuHoseya unyana kaBhere, ngemihla kaOsiya, kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, nangemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli.
2
Ukuqala kwelizwi likaYehova ngoHoseya. Wathi uYehova kuHoseya, Hamba uye kuthabatha ihenyukazi noonyana behenyukazi; ngokuba ilizwe lihenyuze kakhulu, lemka ekumlandeleni uYehova.
3
Waya ke, wazeka uGomere intombi kaDibhelayim; wakhawula, wamzalela unyana.
4
Wathi uYehova kuye, Mbize ngokuba nguYizereli; okwethutyana, ndophalaza igazi likaYizereli phezu kwendlu kaYehu ndize ndibuphelise ubukumkani bendlu kaSirayeli.
5
Ngaloo mini ndiya kwaphula isaphetha sakwaSirayeli emfuleni waseYizereli.
6
Waphinda wamitha, wazala intombi. Wathi uYehova kuye, Yithiye igama lokuba nguAkenzelwanga-mfesane, ngokuba andiyi kuphinda ndiyenzele nceba indlu kaSirayeli; kodwa ndiya kubasusa kuphele.
7
Kodwa ndiya kuyenzela inceba indlu kaYuda ndize ndibakhulule ngoYehova uThixo wabo, yaye andiyi kubakhulula ngezaphetha okanye ngekrele okanye ngedabi okanye ngamahashe okanye ngabakhweli-mahashe.
8
Uthe akumlumla uLoruhama, wakhawula wazala unyana.
9
Wathi uThixo, Mbize ngokuba nguLowami, ngokuba aningabantu bam, nam andiyi kuba nguThixo wenu.
10
Ke inani loonyana bakaSirayeli liya kuba ngangentlabathi yolwandle, engalinganiswayo, engabalwayo; nalapho kwathiwa kubo, Aningabantu bam nina, kuya kuthiwa kubo, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
11
Yaye ngokuqinisekileyo baya kuhlanganisana oonyana bakaYuda noonyana bakaSirayeli baze banyule inkokeli enye, baze balishiye ilizwe, ngenxa yokuba iya kuba nkulu imini kaYizereli.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14