bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Jude 1
Jude 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
1
uYuda, umkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana kaYakobi, ubhalela abangcwalisiweyo nguThixo uYise, nabagcinelwe uYesu Kristu, ababiziweyo;
2
Makwandiswe kuni inceba, noxolo, nothando.
3
Zintanda, ndikukhuthalele ngenyameko yonke nje ukunibhalela ngalo usindiso esidlelana ngalo, kwafuneka ukuba ndinibhalele, ndinivuselele, ukuba niluzamele ukholo abalunikelwayo kwakanye abangcwele.
4
Kuba kuthwethwe bantu bathile; abo babebalulelwe ngenxa engaphambili kolo lugwebo, abangahloneli Thixo, belujikela eburheletyweni ubabalo lukaThixo wethu, bemkhanyela okuphela koMnini-nto-zonke, uThixo wethu, iNkosi yethu uYesu Kristu.
5
Ndithanda ukunikhumbuza, nangona nikwazi oku kakade, ukuba iNkosi, yakuba ibasindisile abantu emhlabeni waseYiputa, yathi ngokwesibini yabatshabalalisa abo bangakholwanga.
6
Kananjalo izithunywa zezulu, ezo zazingalugcinanga ulawulo lwazo, zesuka zalishiya ikhaya lazo, izigcinele umgwebo womhla omkhulu ngemixokelelwane engunaphakade, phantsi kwesithokothoko.
7
Njengokuba iSodom neGomora, nayo imizi engakuyo, yenza kakhulu umbulo ngohlobo olufana nolwazo ezo, imka ilandela nyama yimbi, ibekwe ekuhleni ukuba ibe ngumqondiso, iviswa ubetho lomlilo ongunaphakade.
8
Kwangokunjalo nabo aba baphuphayo badyobha inyama, batshitshise ubukhosi, banyelise izikhakhamela.
9
Kodwa uMikayeli, isiphatha-zithunywa zezulu, oko babebambene naye uMtyholi, bebangisana ngawo umzimba kaMoses, akabanga nabuganga bakumzisela mgwebo wakunyelisa; wesuka wathi, iNkosi mayikukhalimele.
10
Ke bona aba banyelisa izinto abangazaziyo; kodwa izinto abazaziyo kakuhle ngemvelo, njengezinto eziphilileyo ezingenangqondo, bayazonakalisa ngazo ezo.
11
Yeha ke bona! Kuba bahamba ngendlela kaKayin; bakhukuliswa lulahlekiso lukaBhileham ngenxa yomvuzo; batshabalala ephikeni likaKora.
12
Aba zizixhobo zamatye aselwandle ezidlweni zenu zothando, bezingxala ukudla nani, bezidlisa okwabo ngokungenakoyika. Bangamafu angenamanzi, aqhutywaqhutywa yimimoya; yimithi ebunayo, engenasiqhamo, efe kabini, enyothulwe iingcambu;
13
Ngamaza alatyuzayo olwandle, ebila ephuphuma ihlazo lawo; iinkwenkwezi ezibhadulayo, ezigcinelwe ubumnyama bobumnyama ngonaphakade.
14
NoEnoki, ongowesixhenxe kuAdam, waprofeta ngabo, esithi, Yabonani, iNkosi iyeza enamawaka alishumi abangcwele bayo,
15
ukuba ibagwebe bonke, ibohlwaye bonke abangahloneli Thixo kubo, ngenxa yemisebenzi yabo yonke yokungahloneli Thixo, abayenze bengahloneli Thixo, nangenxa yazo zonke izinto ezilukhuni, ababezithethile ngaye aboni abangahloneli Thixo.
16
Aba ngabakrokri abasolayo, behamba ngokweenkanuko zabo; umlomo wabo uthetha iindumbisa zamazwi, bencoma ubuso bomntu ngenxa yenzuzo.
17
Ke nina, zintanda, wakhumbuleni amazwi abethethwe ngenxa engaphambili ngabapostile beNkosi yethu uYesu Kristu;
18
Ngokuba babesithi kuni, Kuya kubakho abagxeki ngexesha lokugqibela, behamba ngokwezabo iinkanuko zokungahloneli Thixo.
19
Aba ngabazahlulayo, bengabenyama, abangenaye uMoya.
20
Ke nina, zintanda, zakheni elukholweni lwenu olungcwele kanye, nithandaza nikuMoya oyiNgcwele;
21
Hlalani nihleli eluthandweni lukaThixo, niyilinde inceba yeNkosi yethu uYesu Kristu, kuse ebomini obungunaphakade.
22
Inxenye ke yibani novelwano, nicalula;
23
kodwa inxenye yisindiseni nizoyika, nibakhupha emlilweni; niyithiya nengubo edyojiweyo yinyama.
24
Ke kaloku, kulowo unako ukunigcina ningakhubeka, nokunimisa phambi kobuqaqawuli bakhe ningenabala, ninovuyo olugqithileyo:
25
kuThixo olumke yedwa, uMsindisi wethu, makubekho uzuko nobukhulu, amandla negunya, nangoku, kude kuse ephakadeni. Amen.
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1