bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Micah 3
Micah 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 4 →
1
Ndathi ke, Khanive, zintloko zakwaYakobi, nani kumkani bendlu kaSirayeli. Asikokwenu na ukwazi umgwebo?
2
othiya okulungileyo, athande okubi; abo bahlinza ulusu lwabo, nenyama yabo emathanjeni abo;
3
nina, bayidlileyo inyama yabantu bam, bahlube ulusu lwabo; bawaphula amathambo abo, bawanqunqa njengembiza, nenyama embizeni.
4
Baya kwandula babize kuYehova, angabaphulaphuli; Ngelo xesha uya kubusithelisa ubuso bakhe kubo, ngokuba benze ububi ngeentlondi zabo;
5
Utsho uYehova ngokusingisele kubaprofeti ababandwendwisayo abantu bam, abatshixiza amazinyo, abadandulukayo, besithi, Luxolo; ke yena ongangeni emlonyeni wabo, bamlungiselele imfazwe.
6
Ngoko ke niya kuba nobusuku, ukuze ningabi nabo; kuya kuba mnyama kuwe, ukuze ungaboni; liya kutshona ilanga kubaprofeti, ibe mnyama imini kubo.
7
Ziya kudana iimboni, zibe neentloni amatola; ewe, bonke baya kuzifihla izipaji zabo; ngokuba akukho mpendulo kaThixo.
8
Ke mna ndizele amandla ngomoya kaYehova, nobulungisa namandla, ukuze ndimxelele uYakobi ukreqo lwakhe, uSirayeli isono sakhe.
9
Liveni eli lizwi, nina zintloko zendlu kaYakobi, nani baphathi bendlu kaSirayeli, nina bakuthiyileyo ubulungisa, bakugqwetha konke okusesikweni.
10
Bayakha iZiyon ngamagazi, neYerusalem ngobugqwetha;
11
Abathetheli bayo bagweba ngenxa yesicengo, nababingeleli bayo bafundisa ngenxa yesicengo, nabaprofeti bayo baprofeta ngenxa yemali; noko baya kuyama ngoYehova, besithi, uYehova akakho na phakathi kwethu? akukho nto imbi inokusehlela.
12
Ngenxa yoko, iZiyon iya kutyalwa njengentsimi ngenxa yenu, iYerusalem ibe yimfumba yamatye, nentaba yayo indlu ibe njengeentaba zehlathi.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7