bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Philemon 1
Philemon 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
1
uPawulos, umbanjwa kaYesu Kristu, noTimoti umzalwana, babhalela uFilemon intanda yethu, ongumsebenzi wethu;
2
Sibhalela uApiya oyintanda, noArkipo umphumi-mkhosi wethu, nakulo ibandla elisendlwini yakho;
3
bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
4
Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhankanya emithandazweni yam ngamaxesha onke;
5
Ndiluvile nje uthando lwakho nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu nakubo bonke abangcwele,
6
ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, okuKristu Yesu.
7
Kuba sinovuyo nothuthuzeleko olukhulu ngalo uthando lwakho, ngokuba izibilini zabangcwele ziphunyuziwe ngawe, mzalwana.
8
Ngoko ke, nangona ndinobuganga obukhulu kuKristu, ukuba ndikuthethele into esukuba ifanelekile,
9
noko ngenxa yothando ndisuka kanye ndikubongoze, ndingonjengoPawulos ixhego, ngoku ke ndikwangumbanjwa kaYesu Kristu.
10
Ndikubongoza ngenxa yonyana wam uOnesimo, endimzeleyo ndisezintanjeni;
11
obefudula engeluncedo lwanto kuwe, kodwa ngoku kuwe nakum.
12
Endimbuyisele kuye, wena ke mamkele, oko kukuthi, izibilini zam;
13
ebendinga ndingaya kuhlala nam, ukuze athi esikhundleni sakho andilungiselele, ndisezintanjeni ngenxa yeendaba ezilungileyo ezi;
14
Kodwa andithandanga kwenza nto ngaphandle kwakho; ukuze ukulunga kwakho kungangi kokokunyanzelwa, kube kokokuvuma.
15
Kuba mhlawumbi waphuma umzuzwana, ukuze umzuze ngokwaphakade;
16
Engasenjengekhoboka, esuke wangaphezu kwekhoboka, engumzalwana oyintanda, ngokukodwa kum; kubeke phi na ke kuwe, ngokwenyama nangokweNkosi?
17
Ngoko ke, ukuba unobudlelane nam, mamkele njengam.
18
Ukuba wakona, nokuba unetyala kuwe, oko kubalele kum.
19
Mna Pawulos ndikubhale ngesam isandla ukuthi, mna ndokuhlawula; endingatshoyo kuwe ukuthi, kum unetyala elingaphezulu, elinguwe ngokwakho.
20
Ewe, mzalwana, mandincedeke ngawe mna ngokwaseNkosini; ziphumze izibilini zam ngokwaseNkosini.
21
Ndikubhalele ndeyisekile kukundilulamela kwakho, ndisazi ukuba ùya kwenza nangaphezulu koko ndikuthethayo.
22
Kunye ke noko, ndilungisele indawo yokuhlala; kuba ndithembile ukuba ngayo imithandazo yenu nondiphiwa.
23
Uyakubulisa uEpafra, umbanjwa ndawonye nam wakwaKristu Yesu.
24
uMarko, uAristarko, uDemas, uLucas, abasebenzisi bam.
25
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nomoya wenu. Amen. (Yabhalwa eRoma isiya kuFilemon, nguOnesimo umkhonzi.)
Jump to:
Chapter 1
All chapters:
1