bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Corinthians 5
1 Corinthians 5
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
1
Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu;ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.
2
Nibe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
3
Kuba mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya;sendide ndamgweba oyenzileyo loo nto, njengokungathi ndikho;
4
ndathi, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu (nakubon ukuba nihlanganisene nomoya wam, kunye nawo amandla eNkosi yethu uYesu Kristu),
5
makanikelwe onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze wona umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu.
6
Iqhayiya lenu alilihle! Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?
7
Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu.
8
Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.
9
Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;
10
kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.
11
Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.
12
Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle?Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina?
13
Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16