bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
1 Timothy 4
1 Timothy 4
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
1
Ke kaloku uMoya uthi ngokucacileyo inxenye iya kumka elukholweni, ngamaxesha asemva, inyamekele oomoya abalahlekisayo, neemfundiso zeedemon;
2
imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;
3
bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.
4
Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;
5
kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.
6
Ukuba uthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, woba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.
7
Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale.Ziqhelise ukuhlonela uThixo.
8
Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.
9
Lithembekile ilizwi elo, lifanelwe kukwamkelwa konke.
10
Kuba sibulalekela, singcikivelwe oko; ngokuba sithembele kuThixo ophilileyo, onguMsindisi wabantu bonke, ngokukodwa owabakholwayo.
11
Bathethele ezi zinto, ufundise zona.
12
Makungabikho namnye ubudelayo ubuncinane bakho; suka ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu.
13
Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.
14
Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe;owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.
15
Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.
16
Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto;kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6