bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Corinthians 12
2 Corinthians 12
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
1
Ukuqhayisa okunene akundilungele; kuba ndiza kuza kwimibono nezityhilelo zeNkosi.
2
Ndazi umntu okuKristu, ekusekuyiminyaka elishumi elinamine (nokuba ubesemzimbeni na andazi, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo), ethe lowo waxwilwa, wada wasiwa nakwelesithathu izulu.
3
Ndiyamazi ke umntu onjalo (nokuba ubesemzimbeni na, nokuba ubengekho na emzimbeni, andazi; kwaziwa nguThixo),
4
okokuba waxwilwa wasiwa eParadisi, weva amazwi angenakuthethwa, ekungavumelekileyo ukuba umntu awathethe.
5
Onjalo ke ndiya kuqhayisa ngaye, kodwa andiyi kuqhayisa ngokwam nganto ikum; ingaba kungokuswela kwam amandla kodwa.
6
Kuba xa bendingathi ndithande ukuqhayisa, bendingayi kuba ndiswele ukuqonda, kuba bendiya kuba ndithetha inyaniso; kodwa ndiyayeka, ukuze kungabikho bani ucinga ngam ngaphezu koko abona ndikuko, athi mhlawumbi akuve kum.
7
Kwathi, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu ngenxa yezityhilelo eziyincamisa, ndanikwa uviko enyameni, isithunywa sikaSathana, ukuze sindintlithe, ukuze ndingaziphakamisi ngokungaphezulu.
8
Ndayibongoza kathathu iNkosi ngaso isithunywa eso, ukuba sisuke kum.
9
Ithe yona kum, Ubabalo lwam lukwanele; kuba amandla am azalisekiswa ekuswelekeni kwamandla. Ngoko kokukhona sendiya kuqhayisa kamnandi kakhulu ngokuswela kwam amandla, ukuze ahlale phezu kwam amandla kaKristu.
10
Kungoko ndikholisiweyo kukuswela amandla, kukuphathwa kakubi, ziingxakeko, ziintshutshiso, ziingxinano, ngenxa kaKristu; kuba xa sukuba ndiswele amandla, kuxa ndinamandla.
11
Sendisuke ndaba ngoswele ukuqonda ngokuqhayisa;ndinyanzelwe nini. Kuba mna ndibe ndifanele ukuyalezwa nini;kuba andisilelanga nganto kubapostile abo baziincamisa, nakuba ndingento yanto.
12
Imiqondiso yokuba ngumpostile, inene, yasetyenzwa phakathi kwenu ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.
13
Kuba yintoni na enasilela ngayo kwamanye amabandla kaThixo, ingekukuba mna ngokwam ndingabanga mthwalo kuni?Ndixoleleni oko kungalungisi.
14
Yabonani, sendilungele ukuza kuni okwesithathu; ndaye ndingayi kuba mthwalo kuni; kuba andifuni zinto zenu, ndifuna nina. Kuba asingabantwana abafanele ukuqwebela abazali, ngabazali abafanele ukuqwebela abantwana.
15
Mna ke, kuya kuba mnandi kakhulu ukuba ndichithe, ndidleke kuphele, ngenxa yemiphefumlo yenu; nakuba okukhona ndinithandayo kakhulu, kokukhona ndithandwa kancinane.
16
Kungade kube kunjalo, mna kambe andibanga mthwalo kuni;mandibe, ndinobuqhetseba nje, ndisuke ndanibambisa ngenkohliso.
17
Kukho mntu na ke kwabo ndabathumayo kuni, endanidlayo ngaye?
18
Ndamyala uTito, ndathuma umzalwana lowo kunye naye.Wanidla na ke uTito? Asihambanga moyeni mnye, yini na?Asihambanga mkhondo mnye, yini na?
19
Niyawaseniba siyaziphendulela kusini na kuni? Sithetha phambi kukaThixo, sikuKristu; sizithetha zonke ke izinto ezo, zintanda, ngenxa yokwakheka kwenu.
20
Kuba ndiyoyika, hleze ndithi ndakufika, ndinifumane ningenjengendikuthandayo, nam ndifunyanwe nini ndingenjengenikuthandayo; hleze kubekho iinkani, amakhwele, imisindo, amayelenqe, iintlebendwane, iintsebezo, iinkukhumalo, iziphithiphithi;
21
hleze ndithi, ndakufika kunjalo, andithobe uThixo wam phakathi kwenu, ndize ndikhedame ngenxa yabaninzi ababesebonile, abaguquka ekungcoleni, nasembulweni, naseburheletyweni ababenzayo.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13