bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
2 Samuel 9
2 Samuel 9
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
1
Wathi uDavide, Kusekho mpunde na kwindlu kaSawule, ukuze ndiyenzele inceba ngenxa kaYonatan?
2
Ke indlu kaSawule ibinomkhonzi ogama linguTsibha; bambizela kuDavide. Wathi ukumkani kuye, UnguTsibha na? Wathi yena, Ndingumkhonzi wakho.
3
Wathi ukumkani, Akusekho namnye na umntu wendlu kaSawule, ndimenzele inceba kaThixo? Wathi ke uTsibha kukumkani, Kusekho unyana kaYonatan, ofe iinyawo.
4
Wathi ukumkani kuye, Uphi na? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
5
Wathumela ke ukumkani uDavide, wamthabatha endlwini kaMakire unyana ka-Amiyeli, eLodebhare.
6
Weza uMefibhoshete, unyana kaYonatan, unyana kaSawule, kuDavide, wawa ngobuso, waqubuda. Wathi uDavide, Mefibhoshete.Wathi ke yena, Nanku lo mkhonzi wakho.
7
Wathi uDavide kuye, Musa ukoyika; ngokuba ndiya kukwenzela inceba ngenene, ngenxa kaYonatan uyihlo, ndikubuyisele onke amasimi kaSawule uyihlo; wena udle isonka etafileni yam ngamaxesha onke.
8
Waqubuda, wathi, Umkhonzi wakho uyintoni na, ukuba uyibheke inja efileyo, enjengam nje?
9
Ukumkani wabiza uTsibha, umfana wakwaSawule, wathi kuye, Yonke into ebiyekaSawule, neyendlu yakhe yonke, ndiyinike unyana wenkosi yakho.
10
Uze umlimele umhlaba, wena noonyana bakho, nabakhonzi bakho, umzisele abe nokudla unyana wenkosi yakho, adle; ke uMefibhoshete, unyana wenkosi yakho, uya kudla ngamaxesha onke etafileni yam. Ke kaloku uTsibha wayenoonyana abalishumi elinantlanu, nabakhonzi abamashumi mabini.
11
Wathi uTsibha kukumkani, Ngokwento yonke emwisele umthetho ngayo umkhonzi wayo inkosi yam ukumkani, uyakwenjenjalo umkhonzi wakho. UMefibhoshete wadla etafileni yakhe, njengabanye oonyana bokumkani.
12
UMefibhoshete ebenonyana omncinane, ogama belinguMika.Bonke ababehleli endlwini kaTsibha babengabakhonzi bakaMefibhoshete.
13
UMefibhoshete ubehlala eYerusalem; ngokuba ubesidla etafileni yokumkani ngamaxesha onke. Ubefe iinyawo zakhe zombini.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24