bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Acts 24
Acts 24
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
1
Ke kaloku, emva kweentsuku ezintlanu, wehla umbingeleli omkhulu, uHananiya, enamadoda amakhulu, neciko elithile elinguTertulo, bona bengabamangaleli bakaPawulos kwirhuluneli.
2
Uthe ke akubizwa, waqala uTertulo ukummangalela, esithi:
3
Sisiva uxolo olukhulu ngawe nje, zikho nje nezenzo eziluncedo ezenzelwe olu hlanga ngokwazalela kwakho, sikwamkela oko sibulela ngako konke, amaxesha onke, nasezindaweni zonke, Felikis odume kunene.
4
Ke ukuze ndingabi sakubambezela ngakumbi, ndiyakubongoza ukuba ukhe usive kancinane ngokuthantamisa kwakho.
5
Kuba siyifumene le ndoda isisifo, umphambanisi kuwo onke amaYuda akwelimiweyo, ingumkhokeli walo ihlelo lamaNazarete;
6
eyathi yalinga ukuyihlambela netempile: esathi sayibamba, safuna ukuyigweba ngowethu umthetho;
7
usuke uLisiya, umthetheli-waka, wafika, wayihlutha ngamandla amakhulu ezandleni zethu;
8
wathi, mabeze kuwe abamangaleli bayo, ongathi wena ngokwakho, wakuzincina zonke iindawo, ube nako ukuziqonda kuye ezo siyimangalela ngazo thina.
9
NamaYuda ke avumelana naye, athi kunjalo kanye.
10
Ke kaloku waphendula uPawulos, yakunqwala kuye irhuluneli ukuba athethe, wathi: Ndisazi kakuhle nje, ukuba sekuyiminyaka emininzi ungumgwebi kolu hlanga, kokukhona ndiziphendulela ngomxhelo owonwabileyo ngazo iindawo ezingam.
11
Kuba unganokuqonda, ukuba akuntsuku zingaphezu kweshumi elinambini, ndenyukayo ndaya kunqula eYerusalem;
12
nasetempileni abandifumananga ndixoxa namntu, ndisenza nasiphendu, nasezindlwini zesikhungu, naphi phakathi komzi.
13
Kananjalo abanako ukuzimisa izinto abandimangalela ngazo ngoku.
14
Ke ndiyakuvuma oku kuwe, ukuba ngeNdlela abathi bona sisiphambusa, ndenjenjalo ukumkhonza uThixo wakowethu, ndikholwa zizinto zonke ezibhaliweyo emthethweni nasebaprofetini;
15
ndinethemba kuThixo, into ke abayilindileyo nabo ngokwabo, ukuba kuza kubakho uvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.
16
Ke kaloku, kule nto nam ngokwam ndiyazama, ukuba ngamaxesha onke ndingabi nasazela sikhubekisa nganto ngakuThixo nangakubantu.
17
Emva kweminyaka emininzi, ndafika ndizisa amalizo neminikelo kuhlanga lwakowethu.
18
Kwezo nto andifumana etempileni ndenziwe nyulu, ndingenzi siphendu, ndingenzi nasiphithiphithi, amaYuda athile elaseAsiya;
19
abemelwe kukubakho apha phambi kwakho, andimangalele, ukuba angaba anendawo ngakum;
20
okanye mabathi bona aba, ukuba kukho nto yokungalungisi bayifumeneyo kum, bayixele, ndakubon ukuba ndimi apha entlanganisweni yamatyala;
21
ingelilo elo lizwi linye, ndadandulukayo ngalo ndimi phakathi kwabo, lokuthi, Kungalo uvuko lwabafileyo endimangalelwayo mna nini namhla.
22
Ke kaloku, akuziva ezi zinto uFelikis, uthe, ezazi ngokhona kucokisekileyo iindawo zale Ndlela, wabalibazisa, wathi, Xa athe wehla uLisiya umthetheli-waka, ndoziqiqa kakuhle iindawo zenu.
23
Kanjalo wammisela umthetheli-khulu, ukuba agcinwe uPawulos, abe nokuyekelelwa, kungalelwa nabani wakowabo ukumnceda, nokuba eze kuye.
24
Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wafika uFelikis enoDrusila umkakhe, umYudakazi, wathumela wambiza uPawulos, wamva ethetha ngako ukukholwa kuKristu.
25
Akubon ukuba ke uthetha ngobulungisa, nokuzeyisa, nangogwebo oluza kubakho, wangenwa kukoyika uFelikis, waphendula wathi, Hamba okwakalokunje: ke ndakuzuza ithuba, ndokubiza uze.
26
Kunye ke noko, wayethembe ukuba wonikwa imali nguPawulos, ukuze amkhulule; ngako oko kwaba kukhona ambiza futhi, ukuba eze axoxe naye.
27
Ke kaloku, kwakubon ukuba kudlule iminyaka emibini, uFelikis wakhululana noPorkiyo Festo; kanjalo wathi uFelikis, efuna ukuzithandisa kumaYuda, wamshiya uPawulos ekhonkxiwe.
← Chapter 23
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 25 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
Recommended Reading
Commentary
Acts Commentaries
→
Devotional
Acts Devotional Guide
→
Get This Bible
Xhosa (IZIBHALO EZINGCWELE) Study Bible
→