bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Mark 16
Mark 16
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
1
Yakubon ukuba idlule isabatha, ooMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi, noSalome, bathenga ubulawu, ukuba beze bamthambise.
2
Bathi kwakusasa kakhulu, ngolokuqala usuku lweveki, beza engcwabeni, liphumile ilanga.
3
Baye bethetha bodwa, besithi, Ngubani na oya kusiqengqela ilitye, lisuke emnyango wengcwaba?
4
Bathi bakukhangela, babona ukuba liqengqiwe lesuka ilitye;kuba belilikhulu kakhulu.
5
Bakungena engcwabeni, babona indodana ihleli ngasekunene, izithe wambu ngengubo ende, emhlophe; baqhiphuka umbilini.
6
Ithi ke yona kubo, Musani ukuqhiphuka umbilini; nifuna uYesu waseNazarete, obebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile, akakho apha; nantsi indawo ababembeke kuyo.
7
Hambani ke niye, nibaxelele abafundi bakhe noPetros ukuthi, uyanandulela ukuya kwelaseGalili; nombona khona apho, njengokuba wayetshilo kuni.
8
Baphuma ke kamsinya, babaleka engcwabeni. Baye ke bephethwe lungcangcazelo nokuthi nqa; abathetha nto nakubani, kuba babesoyika.
9
Ke kaloku wathi uYesu, evuke ekufeni kusasa ngolokuqala usuku lweveki, wabonakala kuqala kuMariya waseMagadala, awayekhuphe kuye iidemon zasixhenxe.
10
Waya yena wabikela ababenaye, bakubon ukuba bakhedamile, bayalila.
11
Basuka nabo, bakuva ukuba uhleli, nokuba ukhe wabonwa nguye, abakholwa.
12
Emveni koko ke, wabonakaliswa ngesinye isimo kwababini bakubo, behamba besinga emaphandleni.
13
Nabo baya babikela abanye; abakholwa nangabo.
14
Kamva wabonakalaliswa kwabalishumi elinamnye, behleli ngasesithebeni; wakungcikiva ukungakholwa kwabo, nobulukhuni beentliziyo zabo; ngokuba bengakholwanga ngabo babembonile evukile.
15
Wathi kubo, Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezilungileyo kuyo yonke indalo.
16
Lowo ukholiweyo wabhaptizwa, wosindiswa; ke yena ongakholwanga, wogwetywa.
17
Imiqondiso ke eya kulandelana nabo bakholiweyo nantsi:egameni lam baya kukhupha iidemon; baya kuthetha ngeelwimi ezintsha;
18
baya kuphatha iinyoka; nokuba bathe basela into ebulalayo, ayikukha ibenzakalise bona; baya kubeka izandla phezu kwemilwelwe, iphile.
19
Yathi okunene ngoko yona iNkosi, emveni kokuthetha kubo, yanyuselwa emazulwini, yahlala ngasekunene kukaThixo.
20
Ke bona baphuma, bavakalisa ezindaweni zonke, iNkosi isebenza nabo, iliqinisela ilizwi ngayo imiqondiso ephelekana nalo. Amen.
← Chapter 15
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16