bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Matthew 19
Matthew 19
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 20 →
1
Kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, wanduluka kwelaseGalili, weza emideni yelakwaYuda, phesheya kweYordan.
2
Zamlandela izihlwele ezininzi, waziphilisa apho.
3
Kweza kuye abaFarisi bemlinga, besithi kuye, Kuvumelekile na ukuba umntu amale umfazi wakhe nangasiphi na isizathu?
4
Uphendule ke wathi kubo, Anilesanga na ukuba owadalayo kwasekuqalekeni wabadala bayindoda nenkazana,
5
wathi, Ngenxa yoko umntu womshiya uyise nonina, anamathele emfazini wakhe, baze abo babini babe nyama-nye?
6
Ngako oko abasebabini, banyama-nye; oko ke ngoko uThixo akumanyileyo, makungahlulwa mntu.
7
Bathi kuye, Phofu ibiyini na ukuba uMoses awise umthetho wokuthi, makamnike incwadi yokwahlukana, amale?
8
Athi kubo, UMoses ngenxa yobulukhuni beentliziyo zenu wanivumela ukuba nibale abafazi benu; ke ekuqalekeni bekungenjalo.
9
Ndithi ke kuni, Othe wamala umfazi wakhe, kungengaluhenyuzo, wazeka omnye, uyakrexeza; nalowo uzeka owaliweyo uyakrexeza.
10
Bathi kuye abafundi bakhe, Ukuba unjalo umcimbi womntu nomfazi, akulungile ukuzeka.
11
Wathi ke yena kubo, Asibantu bonke abaliqondayo elo lizwi;ngabo banikiweyo bodwa.
12
Kuba kukho amathenwa azelwe enjalo kwasesizalweni sonina;kukho namathenwa athenwa ngabantu; kukho namathenwa azithenileyo ngenxa yobukumkani bamazulu. Lowo unokukuqonda oku makakuqonde.
13
Kwaza kwaziswa kuye abantwana, ukuze abeke izandla phezu kwabo, athandaze; basuka abafundi babakhalimela.
14
Wathi ke uYesu, Bayekeni abantwana, ningabaleli ukuza kum;kuba ubukumkani bamazulu bobabo banjalo.
15
Wazibeka izandla phezu kwabo, wemka apho.
16
Kwabonakala kusiza othile, wathi kuye, Mfundisi ulungileyo, yiyiphi na into elungileyo endingenza yona, ukuze ndibe nabo ubomi?
17
Uthe ke kuye, Yini na ukuba uthi ndilungile? Akukho ulungileyo, mnye kwaphela, nguThixo. Ukuba ke uthanda ukungena ebomini, yigcine imithetho.
18
Athi kuye, Yiphi na? Wathi ke uYesu, Yona le: uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki,
19
beka uyihlo nonyoko; nawo lo: uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako.
20
Ithi kuye indodana leyo, Zonke ezo zinto ndazigcina kwasebuncinaneni bam; ndisaswele ntoni na?
21
Wathi uYesu kuyo, Ukuba unga ungafezeka, hamba uye kuthengisa ngeempahla zakho, uphe amahlwempu, woba nobutyebi emazulwini; uze ke undilandele.
22
Ilivile ke indodana ilizwi elo, yemka ibuhlungu; kuba ibinemfuyo eninzi.
23
Wathi ke uYesu kubafundi bakhe, Inene, ndithi kuni, Koba ngenkankulu ukuba isityebi singene ebukumkanini bamazulu.
24
Kananjalo ke ndithi kuni, Kulula ukuba inkamela iphumele entunjeni yenaliti, kunokuba isityebi singene ebukumkanini bukaThixo.
25
Bakuva ke abafundi bakhe, bakhwankqiswa kakhulu, besithi, Ngubani na ke ongasindiswayo?
26
Ondele ke uYesu, wathi kubo, Kubantu le nto ayinakwenzeka;ke kuye uThixo zonke izinto zinako ukwenzeka.
27
Waphendula uPetros wathi kuye, Uyabona, thina sishiye iinto zonke sakulandela; siya kuba nantoni na ke?
28
Wathi ke uYesu kubo, Inene, ndithi kuni, Nina nindilandeleyo, ekuzalweni okutsha, xa athe wahlala uNyana woMntu phezu kwetrone yozuko lwakhe, niya kuhlala nani phezu kweetrone ezilishumi elinambini, nigweba ezizweni ezilishumi elinazibini zakwaSirayeli.
29
Umntu wonke oshiye izindlu, nokuba ngabazalwana, nokuba ngoodade, nokuba nguyise, nokuba ngunina, nokuba ngumfazi, nokuba ngabantwana, nokuba ngamasimi, ngenxa yegama lam, uya kwamkela kalikhulu, abudle ilifa ubomi obungunaphakade.
30
Ke baninzi abokuqala abaya kuba ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28