bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Micah 2
Micah 2
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 3 →
1
Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebenze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo.
2
Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe;bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo.
3
Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi.
4
Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sibhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusisusa kwakhe kum! amasimi ethu uwabela amaphamba.
5
Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova.
6
Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba abathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo.
7
Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye?
8
Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, abadlula bekholosile, bengathandi kulwa.
9
Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo;ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade.
10
Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le;ngenxa yobunqambi bayo obonakalisayo, obonakalisayo kakhulu.
11
Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu.
12
Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu.
13
Unyuke phambi kwabo umgqobhozi; bayagqobhoza, bayangena esangweni, bayaphuma kwangalo; ukumkani wabo uhamba phambi kwabo, uYehova esentloko kubo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7