bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Nehemiah 1
Nehemiah 1
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
1
Ibali likaNehemiya unyana kaHakaliya. Kwathi ngenyanga enguKislevu, ngomnyaka wamashumi amabini, ndakubona ukuba ndiseShushan komkhulu,
2
kwafika uHanani, omnye wakubazalwana bam, enamadoda avela kwaYuda. Ndababuza iindaba zamaYuda, amasalela asindileyo ekuthinjweni, nezeYerusalem.
3
Bathi kum, Amaqongqolo asele ekuthinjweni, kwaYuda, asebubini obukhulu, nasekungcikivweni; nodonga lweYerusalem luqhekekile, namasango ayo atshe ngumlilo.
4
Kwathi ndakuweva la mazwi, ndahlala phantsi, ndalila, ndenza isijwili iintsuku, ndazila ukudla, ndathandaza phambi koThixo wamazulu,
5
ndathi, Camagu, Yehova, Thixo wamazulu, Thixo omkhulu, owoyikekayo, obagcinelayo umnqophiso nenceba abamthandayo, abayigcinayo imithetho yakhe.
6
Indlebe yakho mayikhe ibazeke, namehlo akho makhe avuleke, ukuze uwuphulaphule umthandazo womkhonzi wakho, endiwuthandazayo phambi kwakho ngoku, imini nobusuku, ngenxa yoonyana bakaSirayeli, abakhonzi bakho; nokuzixela kwam izono zoonyana bakaSirayeli, esone ngazo kuwe, Mna nendlu kabawo sonile;
7
sonakalisile, senza ububi ngakuwe. Asiyigcinanga imithetho, nemimiselo, namasiko, obumwisele umthetho ngawo uMoses umkhonzi wakho.
8
Khawulikhumbule ilizwi owamwisela umthetho ngalo uMoses umkhonzi wakho, elithi, Ukuba nina nithe nenza ubumenemene, ndonichithachithela ezizweni;
9
ke ukuba nithe nabuyela kum, nayigcina imithetho yam, nayenza, nokuba kuthe kwabakho kuni abagxothelwe ekupheleni kwezulu; ndobabutha nalapho, ndibazise kuloo ndawo ndiyinyulele ukulibeka kuyo igama lam.
10
Aba ke ngabakhonzi bakho, nabantu bakho, owabakhulula ngamandla akho amakhulu, nangesandla sakho esithe nkqi.
11
Camagu, Nkosi yam, indlebe yakho mayikhe ibazelwe umthandazo womkhonzi wakho, nomthandazo wabakhonzi bakho, abathanda ukoyika igama lakho. Khawumphumelelise umkhonzi wakho namhla, umfumanise imfesane phambi kwale ndoda. Ke mna ndibe ndingumngcamli kukumkani.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13