bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Song of Solomon 8
Song of Solomon 8
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
1
Akwaba ubunjengomnakwethu Obesanya amabele kama!Bendingathi, ndikufumene phandle, ndikwange, Bangandideli noko.
2
Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama; Ubuya kundifundisa. Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo, Nencindi yomrharnate wam.
3
Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam, Esokunene sayo sindiwole.
4
Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa, Ningathini na ukuluvusa, ningathini na ukuluvuselela uthando, Lude luthande?
5
Ngubani na lo unyuka evela entlango, Esayama intanda yakhe?Ngaphantsi komapile lo ndakuvusa wena. Khona apha waba nenimba ngawe unyoko, Khona apha waba nenimba owakuzalayo.
6
Ndibeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho. Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu, Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni: Amalangatye abo ngamalangatye omlilo, Ngamadangatye kaYehova.
7
Amanzi amaninzi akanakulucima uthando; Imilambo ayinakuluntywilisela. Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando, Ingadelwa ideliwe.
8
Sinomsakwethu omncinane, Akakabi namabele. Siya kuthini na ngomsakwethu, Mini aganelweyo?
9
Ukuba uludonga yena, Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere; Ukuba ungumnyango, Somrhaqa ngamaceba omsedare.
10
Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba; Ndaza emehlweni ayo ndaba njengo fumene uxolo.
11
USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon, Isidiliya wasinikela kubagcini, Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.
12
Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam; Iwaka elo lelakho, Solomon; Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.
13
Wena uhleliyo emiyezweni, Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho, Ndivise.
14
Dloba, ntanda yam, Uxelise ibhadi namankonyana amaxhama Ezintabeni zobulawu.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8