bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Thessalonians 2
2 Thessalonians 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
KEKALOKU siyanitandaza, bazalwana! pezu kwokufika kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu, nokuhlanganisana kwetu kuye,
2
ukuba ningashukunyiswa kamsinya ekuqondeni kwenu, ningabi navuso kanjako, nangawo umoya, nangalo ilizwi, nangayo incwadi, njengokungati ivela kuti, njengeyokuti seukufupi umhla ka‐Kristu.
3
Makungabiko mntu onilukuhlayo nganye indawo: kuba umhla lowo ungayi kuza, xeshekweni kungeziyo upambuko tanci, aze atyilwe umntu wesono, unyana wentshabalalo;
4
lowo umelayo, ozipakamisa pezulu pezu kwako konke oku‐kutiwa ngutixo umhlaumbi yinto yokubedeshwa, ade ati njengotixo ahlale pantsi etempileni katixo, ezibonakalisa ukuba u ngutixo.
5
Anikumbuli na ukuba, nxa bendiseko kuni, ndandinixelela ezizinto?
6
Nakaloku oko kubambayo niyakwazi, ukuze kutyilwe yena kwelake ixesha.
7
Ngokuba yona imfihlakalo yokukohlakala isel’ isebenza: kuko kodwa obambayo ngoku ade asuswe endleleni.
8
Waeya kwandula oko atyilwe okohlakeleyo lowo, oyena iya kuti inkosi imgqibele ngomoya womlomo wayo, imtshabalalise ngokukazimla kwokufika kwayo;
9
okufika kungokwokusebenza kuka‐Satane kuwo onke amandla nemiqondiso nemimangaliso yobuxoki,
10
nakuyo yonke inkohliso yokungalungi kubo abo babubayo: ngenxa yokuba bengalwamkelanga utando lwenyaniso ukuze basindiswe.
11
Nangenxa yoku utixo wobatumela ukusebenza kwolahlekiso, ukuze bakolwe lulwimi:
12
ukuba bagwetywe bonke abati abakolwa yinyaniso, batanda ukungalungi kanti.
13
Kodwa tina sifanelwe kukubulela kutixo ngamaxesha onke ngenxa yenu, bazalwana abatandiweyo yinkosi! ukuba utixo kwa sekuqalekeni waniqashela ukusindiswa ngokungcwalisa kwomoya nangenkolo enyanisweni;
14
anibizileyo kuko ngayo ivangeli yetu, kube kukuzuzwa kwobungcwalisa benkosi yetu u‐Yesu Kristu.
15
Ngako ke, bazalwana! yimani niqine, nizibambe izinikelwa enanifundiswa zona, nokuba bekungalo ilizwi, nokuba bekungayo incwadi yetu.
16
Kodwa yona ngokwayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, naye utixo nobawo wetu, owasitandayo, wa si nika ulwonwabiso olungunapakade netemba elilungileyo ngofefe,
17
wanga angonwabisa intliziyo zenu, aniqinise kuwo onke amazwi nezenzo ezilungileyo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3