bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Thessalonians 3
2 Thessalonians 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
OKO kuseleyo, bazalwana! sitandazeleni, ukuba ilizwi lenkosi libe nokuhamba nokudunyiswa, njengokuba linjalo nakuni;
2
nokuba sihlangulwe ebantwini abasangeneyo abakohlakeleyo; ngokuba ukolo lungenabo bonke.
3
Kodwa inyanisekile inkosi, eya kuniqinisa, i ni gcine kuyo inkohlakalo.
4
Ewe siyatembela enkosini pezu kwenu, ukuba izinto esiniyalelayo ngazo niyazenza, nokuba niya kuzenza kanjalo.
5
Kodwa yona inkosi yanga ingazikapela intliziyo zenu elutandweni lukatixo, nasemondeni ka‐Kristu.
6
Kekaloku siyaniyalela, bazalwana! egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba nizishenxise kubo bonke abazalwana behamba ngobugaxagaxa, benga hambi ngokwesinikelwa abasamkelayo kuti.
7
Ngokuba ngokwenu nisazi ukuba nifanele ukuti nina ukusilandela: kuba sasingahlali ngobugaxagaxa pakati kwenu;
8
asadla isonka kumntu ngesisa kanjako, bekusekuzameni nasekudinisweni, sisebenza ubusuku nemini nje, size singabi bunzima kumntu wakuni:
9
kungekukuba singenalo igunya, kukukuba sizenze umzekelo kuni, nize nisilandele.
10
Ngokuba naxeshekweni sibe sinani, sasiniyalela kwa lento yokuti, ukuba kuko ongatandi ukusebenza, makangadli kanjako.
11
Ngokuba sisiva ukuba bako inxenye behamba pakati kwenu ngobugaxagaxa, bengasebenzi luto, koko bezifaka ezintweni ezingezezabo.
12
Kekaloku abo banjalo siyabayalela sibakunge ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba basebenze benokuti tu, badle esabo isonka.
13
Kodwa nina, bazalwana! maningadinwa kukwenza okulungileyo.
14
Kodwa ukuba kuko umntu ongevayo ilizwi letu ngayo lencwadi, gqalani lomntu, ningakolani naye, ukuze enzelwe intloni.
15
Kanti ninga m bali ukuba ulutshaba, niti ni m luleke njengomzalwana.
16
Kekaloku inkosi yoxolo ngokwayo yanga inganinika uxolo futi ngendawo zonke. Inkosi maibe nani nonke.
17
Umbuliso wam Paulusi ngesam isandla, okungumqondiso kuzo zonke incwadi: kunjalo ukubala kwam.
18
Ufefe lw e nkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3